Lala ngoxolo jola mphakomo
Wena owaphalazelwa phezu’kwentlambo zemilambo engunobhobholoza
Icandu nedwe kwesikamathanzima
Thole lomthwakazi nqengeba

Isizwe sakwa’jola silahlekelwe
Umzi wojojo ozikhali ulahlekelwe
Umzi wakubilatye ulahlekelwe
Umzi wezothutho ulahlekelwe

Hamba ke! Nobunganga sinkwebhesile
Hamba nobungorha kuba bobakho
Hamba olwakho unqatso ulufezile
Hamba kuba uhambo olungapheliyo luyahlola

Dithi ungu’thekwane inyoni yezulu
Nongangabantwana intaka yasemandizeni
Rhamba elirhangarhanga lekunzi zika’ salmani
Uhambile wona umzila uwushiyile
Abanendlebe bazivile imfundiso zakho

Abanengqondo bazibambile iziyalo zakho
Abanamehlo bawubonile umzamo omhle uwuzamile
Uzungoyiki ke! mfo wakuthi kuba sediwanyathele abuna ameva endleleni yakho
Ntinga taka’dini namazulu ayakulangazele’lela