UMamqoma ndim! Mawahlokome amazulu!
Mandibhotise mzi ontsundu woMzantsi Afrika
Iyabhotisa intombi yaseMaqomeni
USigqo
UNohela
UNaba ndikwenze intombi
Kodwa andiwanwabeli abafana
Isizukulwana sikaJubhu
Umzukulwana kaMqoma noMam’Cwerha
Izithandwa ezazintle zisenza umona ekuhlaleni
Babemhlophe ngebala
Kodwa bazala umzukulwana onomkhitha
Intombi engethanga ncu egadini kodwa ingatshonanga kwakulo gadi
Intombi enamehlo agqam-gqam ingathi azakujonga phesheya kolwandle
Intombi egodukela eDongwe ungagqathwa ligama izindlu zakhona azizo zedaka
Ndingumafungwashe apha kunozala
Ndingumntu ozithandayo
Ongathandi ngxabano kodwa xa uyiqalile yimele
Ngoba kaloku ndingowase Maqomeni kakade
Ndikhulele phantsi kweKapa kodwa indlela egodukayo ndiyazi naxa ndilele
Ndinguye umxhosa ongangxengwanga
Yiyo lo nto ndithi
Mawahlokome amazulu