Konakala sijongile
Yaphalala inkcubeko yethu ma-Afrika
Zemk’inkomo magwalandini
Sawa isithunzi sobawomkhulu
Lenzek’ihlazo abantu bejongile
Inene ndikhwankqisiwe

Ziphi na iziphatha-mandla zeli?
Zatshona phi na iinkonde?
Nasi isithwakumbe sisehl’endlini endlin’emnyama
Inene ndikhwankqisiwe!

Kungani iilwimi zethu zidobeleleka?
Kungani zijongeka njenge hlazo?
Abantwana bendl’emnyama babeleke
Abasicatyana baleqeka emva kwelwimi zaphesheya
Nqandani zingcali angen’amanzi endlini
Aniyoyiki na ingqumbo yeminyanya?
Asilonyala na ukuthob’isithunzi sabadala?
Inene ndikhwankqisiwe!