Ubutywala ndiyabonyanya
Ubutywala ndiyabuqalekisa
Ubutywala ndibuhloniphile

Buyindlakazile imizi yabantu
Buyidalile intiyo kwizihlobo nezalamani.
Bulenzile usizi nesono kwasala inkxwaleko.
Kwashiyeka inyembezi nenzondo.
Nam bendingabazi kodwa ndihambile yaye ndibonile.

Inene, inene ubutywala ndiyakuqalekisa
Buyanambitheka oku kobusi
Bukrakra okwencindi yekhala
Buya sitshintsha isimo somntu.

Ngxe kaloku khehle bayazizela kuwe ungababizanga,
Wena uzindindi ngendindi.
Uthi wakufika zidade emafutheni iintliziyo zabantu,
Wakufika ngaphakathi uyitshintshe ingqondo yabantu.

Inene ubutywala ndibuhloniphile
Inene ubutywala ndiyabuqalekisa
Hamba rhamncwandini alisekwa igazi,
Wakuselwa kukhalwa esimantshiyane kusale inkedama.
Wakuselwa kuba nguqulukubhede
Sithi sisezantsi sibe siphezulu.

Inene ubutywala ngutshabalalisi wekavam loluntu.
Inene ubutywala yinkonxa enento,
Equlathe ukhedamo kunye nezivubeko.
Inene ubutywala ngumngcungcuthekisi wentsana zisahluma.
Yinkunzi yezembe igawula izihlobo nezalamani zisahluma.
Inene ubutywala ndiyabuqalekisa