Kunomntu ongekhoyo apha
Ndimjongile kwigumbi loku lala
Ndimjongile nasegadini
Ndimkhangela…
Kunomntu ongekhoyo apha.

Ntliziyo ziyinyama
Mehlo opha igazi
Madolo ayekile
Kanti mhlaba ulahlekelwe
Kunomntu ongekhoyo apha.

Umntu wokuthula noxolo
Axelise ukuxabisa abanye abantu
Engayekanga phofu nokubaxhasa
Ehla enyuka
Entsi kukubila
Phofu ebiliswe zezethu iingxaki
Kanti mhlaba ulahlekelwe
Kunomntu ongekhoyo apha.

Iqhawekazi
Umsebenzi kanzima
Athi “unotshe ndisaphila”
Abe etsala ityali yakhe
Emele intsasa zakhe
Kumahla ndenyuka alomhlaba
Kanti mhlaba ulahlekelwe
Kunomntu ongekhoyo apha

Uyini na kufa
Wena ufika njengesela
Uyini na mbulali
Wena uzimele ngokufa

Kuthe cwaka
Lowo na lowo uphichotha intliziyo yakhe
Ungene nzulu kwimihla ayichithe kunye nawe
Mehlo abomvu
Nyembezi azinqandeki
Ntliziyo yopha igazi
Ngqondo ikunye nawe

Kufa nawe uyoze ufe
Mbulali ukujonge nawe ukufa
Kanti mhlaba unjani
Isitya esihle asityeli

Mhlaba mhlaba
Ndivumele nditsho
Ndiqala ndigqibelisa
Nditsho ndisithi

Mhlaba ulahlekelwe
Kunomntu ongekhoyo apha