Mhla wayepheth’isikhali
Mhla wayesitsho isijwili
Mhla wayeba ngumbulali
Izandla zixhaph’igazi

Mhla bembiza ngamagama
Mhla bembiza isilwanyana
Mhla wayesenz’amanyala
Mhla wayezibandakanya notywala

Ziinzingo zobomi
Yimpatho ekuhlaleni
Yimpatho ekukhuleni
Yintiyo entliziyweni
Ziinkumbulo engqondweni

Qwenge qabu ngqondo zabuya
Tshini! Akwabe Sekukwabekile
Yehova ndenzeni?
Nkosi yam bendingenwe yintoni?
Ewe bendimthanda
Ibingezonjongo ukumbulala
Nkosi yam thethelela lenzondo kum uyususe ewe, ndiyayazi kwakungemnandanga