Ndomlandela, ndomlandela ngaphandle kwakho Nyama.
UThixo mkhulu noSathane wamncama,
Kaloku esosihelegu sasimkhohlisa sisithi makahambe ngomthetho waso somkholisa.
Nyama yam ukuba awundikholwa vula uMatewu 4:8, 9
Kwincwad’emlom’ obomvu.

Ubuyintoni ke ngoku wena njengoba undihenda nje,
Ndomlandela ophezulu, ngaphandle kwakho Nyama.

Eyakho imisebenzi izosalaph’emhlabeni,
Njengoba nawe uzogcwatywa phantsi komhlaba.
Ndithi ndolandela eyam nkosi hayi wena.
Ndothabath’umnqamlezo ndilandele.
Inene ndomlandela ngaphandle kwemvume yakho Nyama.