Kungoba kutheni na?
Kutheni mna ndino mvandedwa?
Kutheni mna abantu bendicaphukela?

Kutheni ubomi bam bunzima nje?
Ndiyinkomo edla yodwa
Inkunku esik’umlomo

Ilishwa lindongamele
Ukudakumba akupheli
Ndilala ngenyembezi ndivuke kazo

Ubomi bam bunzima
Ingaba kutheni na?