Kudala ndikhala esimantshiyane
Kudala ndizosula iinyembezi
Kudala ndisiva kabuhlungu
Kudala ndizifihla kodwa akunyamezeleki.
Kudala ndibona yaye ndisiva.

Abanintsi bandishiye nemibuzo
Abanintsi bandishiye ndinenkqala ngakubo.
Abanintsi bahambile bengatshongo nokutsho.
Andizange ndive nezingqi ezo zembala.
Andizange ndifumane nembalelwano le yembala.
Kanti kufa unjani na wena
Kudala ndibabukela besiwa kumakhaya wabo okugqibela,

Ndimane ndizibuza ingaba kuphela kobom kwisini na?
Ndimane ndizibuza ingaba yindlela andohlwaya ngayo uMdali?
Ukuba akunjalo kutheni zonke izihlobo ezisenyongweni ,
Ezisusa ecaleni kwam?
Ukuba akunjalo kutheni le nto ebayeka abo bazingxwelekreka, abo bazintlekisa eluntwini Abo bahlelelekileyo ,abo bafa ziincwina,
Ethatha aba bangabikwa hlaba?

Kudala ndizibuza imibuzo engaphendulekiyo.
Kudala ndihamba kudala ndibona kudala ndisiva kudala ndixhamleka,
Kudala bendishiya kudala ndisithi ndlela-ntle kubo.
Ingaba ukhona na ozakuthi ndlela-ntle kum?
Ingaba ukhona na endithe ndamkhubekisa ngenxa yokungazi nokushiywa yimilebe,
Ngenxa yomsindo nokucaphuka?
Ukuba ke kunjalo ndicela uxolo.

Kudala ndizama yaye ndicinga kodwa andifumani sisombululo.
Akukhonto ibuhlungu ngathi yinkqala apho uzixelela ukuba asokuze umxolele , asokuze umcenge ngentando nendlela zikaMdali,
Amsondeze kuye umntu wakhe ube wena usenenkqala ngakuye,
Kubekho amaxesha inga ungamvusa uthi ndikuxolele,
Owu! Kudala ndibona yaye ndisiva kodwa yibanoxolo.
Kudala kunje yaye akukho apho kunjani ndawo zonke ziyafana kodwa yibanoxolo.