chola-chola

Ngubani na! Ke onokukunyamekel’ ubomi,
Ngubani na! Ke onokuma gingxi,
Ongenje njal’ unje ngomlilo womnyibilikisi,
Kuba obu bom bunje ngentsasa,
Kuba obu bom bunje ngomanz’umthombo,
Kuba bunje ngoy’ovuthuzendle.

Akunamhlanj’obu bom sibusongela etshefini,
Akunamhlanj’obu bom bugawula abo asenyongweni kuthi,
Akunamhlanj’obo bom busishiya size kweli gada.

Wena bom awunto,
Wena bom awunto yantoni,
Wena bom unqwa nokufa,
Wena bom awuna xabiso ngeliny’ ixesha,
Wena bom uxake wam xakekis’ unyana womntu.
Wena bom umhambisez’ elizwen’ unyana womntu.

Kowu! bundenzil’ ubomi obungena bume.
Bundenzil’ ubomi obungena ngcazelo.

Wena bomi unje ngamanz’ olwandle.
Wena bomi unje ngezi khukhula kub’ ufika uqhitha,
Wena ufike wamqweqwedis’ unyana womntu,
Wena ufike wamkhulul’ ubunt’ unyana womntu,
Wena ufike wamthwebul’ ingqondo wamfamekis’ unyana womntu,
Akunamhlanj’ ikati itshicala.

Wena bomi ungumzamo.
Wena bomi ungumakhi wemiphefumlw’ etyumkileyo.
Abathembele kuwe banoxolo luvuyo luchulumanco.
Bachwayitile aba chwayitel’ ethembeni lobomi obungunaphakade.
Kuba ubomi ngumzamo,
Kuba ubomi abuna ngcazelo.

Ngeliny’ ixesha usukumxak’ umntu.
Umtyabekumdyobh’ umntu ngokungena lusini.
Umntlithekis’ umfohlozise bhadla, didli, krwaba, walakahla, mbakra!
Ngamajingi qhiwu nguqulukubhode kuyehla kuyonyuk’ umdyu ephicothana nokulungileyo.