Ndithi sala kakuhle
Mnumzan’omhle
Ndiyabulela ngempatho yakho
Entl’eDolophini

Kaloku wen’undamkele
Ngezandl’ezishushu kwakho
Wandibonis’ubungangawusha bakho
Wandikhunga njengomnye wakho
Wandithi wambu ngengubo
Yakhw’eshush’ekrwexayo

Kodwa ke ngoku
Kufikelel’eyantlukwaneni
Ndiyathemba ukuba awusoze
Ubenanqala nam
Ngob’ekhay’emva
Kudala bendikoleka
Ngoko ke ndithi
Khaya leeNzululwazi
Khaya leeNkcubabuchoho
Elam ixesha lifikile

Mzi ndini wempucuko
Mzi ndini wabahambeli
Mzi ndini wamahlwempu
Ngoku ndisingis’emv’ekhaya
Wena khaya leeNkedama
Mzi ndini wooNgantweni
Wen’ulikhaya lofezekisa
Notshabalalis’amaphupha

Kapa lodum’uyamthimb’umntu
Mna ndikuncamile
Iminyak’idlulile
betshabalal’abantwana babany’oomama
Hayi! Mna ndikuhloniphile

sii! Ndaze ndakuva zwindini
thyefu ni l’umtyise yon’umntu?
Ngob’othe wazimanya nawe
Kunzim’uqhawul’umtshato
Yilonto ke ndisithi
Kapa awuyonto
Kwisidalw’esimnyama
Yanga singenjenjeyaaa
Senjenjeyaaa
Ubuyel’embo