Igqabhukil’inyongo sukenje kwamasikizi
Phalal’ntliziyo yomntu wangcwenga nyembezi
Lanyamalal’ithemba nzondo wakhawulelan’omntu
Kwanqongophala wena kaloku lonwabo mfondin
Wahluphek’umphefumlo wobandanyekayo
Ngxwelerh’ubeng’ umhlobo kumva ndedwa

Qengqelek’intsuku zivubeko walindwe-ndwe
Thand’uxelilanga kwab’ntliziyo nkene-nkene
Kwakhanya kwadedel’ubumnyama
Nyanis’ungumnqantsa phakathi koXolo noThando
Ngqiqo ubiziwe washiy’iinyembezi kwimbuso
Ntando wenzekile kwashiyek’intliziyo izingceba

Bom’ubonise ububanzi bendlel’zakho
Buxok’ubenemfundiso kwintandan’ezakho
Ngcing’ndibeke kwantliziy’ondise
Ntliziyo yamkel’uxol’ukuze hlabel’mgama
Zinyany’zakuthi ndicel’intsikelelo nokhusel’lwenu
Themb’uyacelwa ngaphandle kwakh’ubom’bumfiliba

Thand’uyamenya kubantliziy’uligugu
Gqiyazan’lam uyadingek’nto nje thandolwakh luncinane
Ndizamil’sukendehluleka kub’ubusele wadikwa ndim mhla wafulathela
Achithekiley’awawolwa yon’ewileyo iyavuswa
Engapheley’iyesikelelweyo mphefumlo wam xola
Ntliziy’yomelezwa lithemba kuba uthand’linobuzaza

Nkosi zam yiban’lukhanyo kwimpil’endiyiphilayo
Bom’ungumzamo onzima kunene
Themb’uzohlal’ezintliziyweni zethu
Thand’lwam alusoze lwaphel’akuwe Qobokazana
Mhla wand’fulathela ndabay’ingxwelerha yanaphakade
Ndaphulukana nako konke okwenz’ubomi bam bume nkqo