Mna igama lam ndinguBomi mfo,
Ewe ndinguye uMzamo,
Khawundidle unoxolo,
Kuba abanjalo banoyolo,
Zifika zidlule iziyolo,
Ngoko ke ngam yiba nombono,
Uwulandele ngobunono,
Ukuphulukana nam ungandisebenzisanga kaloku sisono,

Hlukana ke nokulaqaza,
Uhleli nje uyakhalaza,
Andanele na mna kuwe kusini na?
Ndisekuwe nje usenethuba,
Konke okunqwenelayo usenokwenza,
Yeka ke ukuzidela,
Awusi mntu ndawo ke wona umona,
Ngoko ke wena nawo musa ukuzimanya,
Ndiyakuthembisa Nkosazana nawe Mnumzana,
Kulo mhlaba awuziswanga ukuba ube lusizana,
Hamba kowakho umzila,
Ukuze kungabikho namnye uzakugila,

Hleze ndohluthwe kuwe kakamsinya,
Ngoko ke chula ukunyathela,
Ukuze ndithi ndisiya kusithela,
Ube wena ushiye owakho omhle umzila.