Ingqondo iyadangala
Lwakuphephetheka idangatya lolonwabo umzimba unkone zizilonda namadyungudyungu okulala ndawonye ubomi bam busongene
Bume ngxi
Maxa wambi ndiba ndiyarhoxoza
Ndingqengqe kulomandlalo
Ndimamele ukuncinciza kwexesha
Ndakuphosa amehlo emnyango
Ukhamise wodwa
Akukho nomzukulwana
Ndishiywe ndedwa kulomodlalo
Ndiphazanyiswa
Lukhohlokhohlo
Olusika ngaphakathi
Ndangeni zingelosi
Olwam ndilufezile