Wen’mbhejembheje okwe nketshentshe yesirhetshe
Wen’ungakhethe bala lamntu, wen’ngenabantu batheni
Ntlaba zohlukane ngokohlanga
Ntlaba zohlukane ngokobala
Kusentla kwamasimi kakade
Mbambo zone ziyamnkela
Gxalaba libanzi lokulilela
Mthi mhle nenduku zawo
Kukwazembe litshona nomphini ngenxa yeziyolo
AAA KAPA LODUMO
IKapa yindawo endine nkolo neenkolelo zobuhle ngayo
IKapa yindawo endine ngcinga neengcamango zobuhle ngoyo
Yindawo endine ngqiqo neengqiniseko ngayo
Ntaba no lwandle ngathi zibekwe ngezandla
Zinga zenzwe ngolonwabo nolandelelwano
Andithethi ngengcali neengcaphephe zokwakha
Yinga ungazibuza bezikufundelephi na
Kodw’oxheleyakhe akabuzwa
Wena usoloko ubuza imbila yaswela umsila ngokuyalezela
Yiza uzokuzibonela ukungundaba mlonyeni
Kubivukamva lidliwa zizagweba, kananjalo
Imvubu azidadi namaSele
AAA KAPA LODUMO!