Mandulo kwilali yase Dikeni kwakukho uMakhulu owayebizwa ngo Magatyeni, nomyeni wakhe uBaw’Cirha, babehlala bobabini kuphela kuloo ndlwana yabo yodaka bethanda nokuzihambela icawa rhoqo ngemini yeSabatha, phofu ke! Ucirha lo wayerhuqwa ngu Magatyeni nto leyo ithetha ukuba uNojaholo akadiban nento zecawa. Kwaye kukwacaca nento yokuba umyeni ka Magatyeni ungumntu othanda kakhulu ukusela, kodwa inye kuphela into endandiyithanda ngo Ntswentswe wayemhloniphile owakwakhe, eziquma, engaseli phambi kwakhe.

Imbeko yinto ebalulekileyo nethandekayo, kwaye yona iyamquma umntu nokuba selinxila kangakanani na. Xa unayo imbeko uba nesidima, ungagxekeki kwaye uthetheleleke. Ezo yayizimpawu zika Cirha engu yise olinene inene.

Yena ke! UMamali wayelikholwa engaseli engatshayi, eyikhuthalele inkonzo kwaye wayenguye no sihlalo ecawen yakhe yase Wisile.

Ngamanizana ithile uMagatyeni wathi kumyeni wakhe, “Tata masiye enkonzweni yilamin’ inkulu kaloku namhlanje, vuka Tata tshini! Nexesha selixhatshwe yinja.” Wavungama uCirha engafun tuu ukuya ecaweni, kucaca ukuba anga angazigulisa azenze ongaphilanga. Inene wayengenwe ngumtyholi.

Azange ayinanze kwaphela uMagatyeni into yokuzigulisa kuka Cirha suka wemka wamshiya ephuthumela enkonzweni, enethemba lokuba uzobuya umyeni wakhe engumqaba qaba igqabi levinika.

Kucacile ukuba into yokungazi kuka Cirha ecaweni iye yamhlupha uMagatyeni wazibhaqa seyithe paa haa ebandleni.

Azange baphozise maseko abashumayeli becawa, oodade, iintombi, nabafana bemka besiya Kwa Magatyeni behamba noMagatyeni lowo, benenjongo zokuba baya kumthandazela.

Abakhokeli becawa batsho ngeengoma zecawa neentshumayelo besiza ngesitalato, ubavile ke! UNcibane watsibela emnyango wavala kwanto kubengathi akhomntu endlwini.

Bankqonkqoza abantu becawa kodwa abancama, bemane besenjenjalo bade bothuswa sisikhalokazi sendod’enkulu uNcibane evalelwe lirhamba ekucaca ukuba limfuna phezulu naphantsi.

Akabinandawo uCirha yokuphuma Kuba kaloku wayezitixele ngaphakathi. Bathe bova isikhalo abantu becawa baqondela ku vimba bophula ucango betshwaa ngaphakathi.

Bathe xa befika bafika sele irhamba limqwengile uQhankqolo, uNtswentswe, uNyembezana, lona lityhafile lizirhangqe kuye. Labethwa labulawa elorhamba, yayizizililo iyinto ebuhlungu kumlisela nomthinjana.

Khawutsho: Wena mfundi ufunde ntoni kwelibala?