Le ntlekele yenzeka ePhumelelani ngoMgqibelo ezintsukwini. Ndandihambele kwenye yeelokishi zasePhumelelani mhla ndabona umbono ombi. Abafana ababini babephanga kwenye yeevenkile zabantu bangaphandle. Abanini-venkile bakhupha imipu nabaphangi bakhupha eyabo. Kuloo ntlekele kwadutyulwa kwasweleka umntu owayeyokuthenga, waza omnye wabanini-venkile walimala.

Abahlali beva ngezithonga babe sebephuma ngaphandle. Omnye wabahlali wafowunela amapolisa afika ngephanyazo. Abaphangi badubulana namapolisa waza omnye wabaphangi wadutyulwa engalweni.

Emveni kwethutyana uye wafika umama wexhoba,wothuka xa ebona umntwana wakhe elele endleleni egcwele igazi. Wasitsho isikhalo,baza abantu bamsusa kwindawoyentlekele leyo.