Lwalungathi alubethi phantsi unyawo lukamama, hlobo olu wayekhawuleza ngalo ukuya emnyango. Ngoku ndandiqinisekile ukuba uyandishiya, ngoko ke ndaphal’ eqhingeni, ndicinga ngokuzibulala. Mhlawumbi ndingaba iipilisi kwalapha esibhedlele, ndiziphange. Kodwa, ndibuye ndaphuma kwezo ngcinga akube evala ucango, weza kuhlala ecaleni kwam.

“Ungaze uphinde uyenze le nto kum,” utshilo endityityimbisela umnwe. “Uyandiva, Thobani.”
Ndanqwala intloko.

“Uligwala mntwanam. Uyayazi into ozibulalela yona?”

Ndithe ndizama ukuwuphendula lo mbuza wandingxamela.

“Kazi ubuza kucacisa uthini wakufika kwelabafilele, ubuzakuthi ufele ntoni? Ubuzakuthini!”

Wasondela wandibamba ngesandla. Noko ndandingakholwa. Ngathi eyona bhayibhile yile iphambi kwam. Umama undenza ndikholwe kwakhona kuthando lukaThixo, awayehlala endixelela ukuba alunamkhethe, alunaxesha yaye aludinwa.

Ndatsho ndacinga umbhalo oxhonywe eludongeni ekhaya kaYesu onamagama athi, ‘UYESU UTHANDA BONK’ ABANTU.’ Ngoku nam ndaziva ndikwiqela elithandwa nguYesu, ndakholwa kulo mbhalo ndiqala ke.

Kodwa, ngaphakathi ndiyazi ukuba olu vuyo luzakubuya luphele.

Elalini ndilindelwe lolunye udidi lwabantu abangandenza intlekisa ukuba bangeva ngale nto. Bona abanokundithanda nje ngoYesu, abanakuvelana nam njengokuba umama enzile.

Ukukhululwa kwam esibhedlele ndandingafuni kudibana nabantu. Abahlobo bam, ngakumbi uLizo, ndandibabaleka. Amaxesha amanzi ndazihlalela ekhaya imihla nezolo. Esikolweni ndandingaphumi kwigumbi lokufunda noba sekutheni. Ndandiba lilolo elinomvandedwa. Lento ndandiyiyo yayingathi ibhalwe ebunzini, kwakumele ndizifihle.

Umama wagqiba ukuba ndiye kuhlala nomakazi wam eKapa kunyaka ozayo, endoyikisela. Wayesithi kumele ndifumane ulonwaba ndisengumntwana, hayi le nto yokuhlala ndingcungcutheka.

Ukuhamba ndiyakufuna. Uthi umama ndingonwabanga nje yile ndawo ndihleli kuyo. Ndandilala ndiphupha idolophu yaseKapa endingazange ndayibona ngaphambili. Wayengathi awude uphele unyaka.

Umama uyandithanda. Ndifumane ndicinga ngenye imini. Umama akafani tu notata. Esekho utata andikhumbuli mhla latshona ilanga ndingenamivumba namikrwelo emzimbeni wam, okanye engagxekanga ukuthamba kwam. Ndandikholelwa ukuba uyandizonda, maxa wambi ndicinge ukuba akandizali.

* * *

Ndithe ndisazihlelele ekhaya, abahlobo bam bagaleleka ngebhaqo. ULizo wayekho, oyenamntu ndandingafuni kumbona. Ndibone ngokurhuqa iintonga zabo, ndaqonda ukuba basinga emtshothweni. Bandicenga ke ukuba ndihambe nabo. Andikhumbuli ndisiya emtshotshweni ngaphambili.

“Mfo awunakukholwa, isandi sempempe nebhelina sivakale sisesenkampini, ngathi uyatshisa umtshotsho eMthwaku ndikhangele nje.” Kutsho uBonile umhlobo wam. Bandigxwala ukuba ndivume. Ndalile ngelithi andinantonga. Ndinikwe intonga nguLizo ngokukhawuleza, umnquma awayewubandeza engafane awunike bani. Ndathabatheka yilento, yee nti ingqondo, ndavuma ngaphandle kwentandabuzo.

Saya kufika kwilali yaseMthwaku ndibile ndilithontsi, kuba sasihamba sibaleka endleleni ukususela eMaxelegwini. Latsho uvalo ndakuyibona loo nqwelo yamakhwenkwe ndivele ngentla kwenduli, kwakungathi yintlangano yemikhosi. Kwabakho into ethi mandijike, kodwa uncumo lukaLizo lwalundikhwebela ukuba ndilandele.

Kwabamnandi sixhentsa, sicula sihamba ngesingqi esinye sinqumla amathafa. Ethubeni baphela obo bumnandi bomtshotsho ngengxumbungxumbu, satsho isandi sokudibana kweentonga kufuphi nendlebe yam. Ndakukhangela indawo endingazimela kuyo, yabe ikho inkwenkwe ebekukade indilalele. Yayiphosa intonga yayo entanyeni, yatsho entloko. Ndathi khithatha ndawa. Kusenjalo, ndeva isikhalo nqwa nokubhonga kwengonyama. YayinguLizo esiza egaba kule nkwenkwe indibethayo. Uyibhule ngokungenalusini ndeva ndiyisizela, ndanga ndingayicelela uxolo. Wayiyeka ngokusuka izifise.

“Uright, Thobani,” utsho endiphakamisa ngobunono. “Wonzakele. Mandikugoduse.” utshilo akubona ingongoma eyayikhula ngamzuzu mnye silapho.

Ucothoze nam, ndijingxela, sibuyela kwilali yaseMaxelegwini. Uye wandithabathela ezingalweni zakhe, ehamba endiphumza endleleni. Ukuba sezingalweni zakhe kwandibangela ndizive ngenye indlela, kwakungasekho zintlungu ndizivayo. Ngokundibamba nje kwakhe kwaba kukukholiseka emphefumlweni. Intliziyo yam yayisemafutheni. Inye into eyayisele, ndandinqwena ngaphakathi ukuba ndifumane indlela yokubonakalisa izimvo zam kuye.
Kodwa ndazinqanda, ndazibuza ukuba ngaba wenza oku kuba enento ayivayo ngakum okanye wenziwa bubuhlobo? Lo nto yayisaziwa ziintliziyo zethu.

* * *

Sixele ukuba ucinga ntoni: Ingaba uLizo uyamthanda uThobani ngalendlela uThobani amthanda ngayo?