Oko ndafikelela kwiminyaka eli-13 ndahlala ndithandazela ukufika kwemini yokufa kwam, ngokungabi nathemba. Kwakungekho nanye into endiyithandayo ngam, indlela endicinga ngayo nendlela endiyiyo. Ndiyakucaphukela ukuhlala ndinehlebo. Ndandinqwena ukuyithetha emntwini le nto, kodwa ndandingenakuyenza loo nto. Abantu babengathini bakuliva eli hlebo. Ndandingafaniswa nayo yonke into embi kulo mhlaba.

Nje ngokuba amanye amakhwenkwe ayethe phithi ziintombi ekukhuleni kwethu, mna ndandithe
phithi yenye into – uLizo. Ndaya ndimthanda ngokuya ndikhula. Ngumhlobo wam omkhulu ke uLizo. Ndimxabise ngaphezu kwento yonke.

Ndiyazi ukuba ndahlukile, kodwa loo nto ndaqhuba ndiyifihla ngokuthi ndenze le nto yenziwa ngamanye amakhwenkwe. Ndibenazo iintombi, ndancuma nazo kodwa kungekho nento le endiyivayo ngakuzo. ULizo wayesezingcingeni zam imihla yonke yobomi bam, kodwa engandijongi ngalo ndlela yena. Wayendibona nje ngeny’ inkwenkwe, engenakubonakalisa mtsalane kum.

Ndiqale ukuba nomvandedwa ndakuqonda ukuba ndisikw’ amanqindi kolu thando lungasayi kufezekiswe kuba uLizo wayengunyana wenkos’ uVezuhlanga okukuphela kwakhe. Nokuba kwakusithiwani na, uLizo wayengenakuthandana nam. Ndathabatha amanyathelo ke kokuzicaphukela kwam, ndasika imisipha yezihlahla. Ndopha ndafa isiqaqa, kwakusa ndabuya ndaphaphama. Ndakhathazeka ndakubona ukuba andifanga, ndabuya ndenza amanye amalinge.

Ngobusuku obuthile ndazivalela egumbini lam, ndalishiya ligoqoza ibhetri, ndiwasele onke amanzi alo. Ndibone indlu izaliswa sisithokothoko sobumnyama, ndavuya ngaphakathi ndiqonda ukuba liyaphumelela icebo.

* * * * *

“Owu, Thobani! Uphambene, Thobani!” Ndive ilizwi ngathi lelikamama. Ndakuwavula amehlo, wayesecaleni kwam ebuso bumanzi ziinyembezi.
Tsi! Andifanga. Ndatsho ngaphakathi ndidanile. Ndiqonde kwangoko ukuba ndisesibhedlele ngevumba elibi lamayeza nelamashiti anuka ukufa.
“Awuqali ukuyenza le nto, mtwanandini!” Utshilo kwakhona umama ndibona umsindo kuye. “Unesi uyayingqina loo nto.”

Undazelaphi ke lo nesi uthetha ngaye. Ndacinga ngaphakathi.

“Veza izihlahla.” utshilo umama.

Ndibe neentloni ukukhupha izihlahla zam. Kodwa ngokumoyika ndamthobela ndaziveza, wabona ukuhamba kwebleyidi phezu kwemithambo ishiya amanxeba abanzi, amanxeba anzulu. Intliziyo yam yathinteka emazantsi ndakumbona etywizisa kwakhona.

“Uyenzela ni intw’ enje kodwa, Thobani.” ubuzileumama esentlungwini. “Awazi ukuba awuyi kwamkelwa nguThixo emazulwini.”

Ndizibulala nje ngulo Thixo. Umfundisi uhlala etshumayela ngabantu abanje ngam ukuba abamkelekanga kulo mazulu. Andifuni kuphila nesi sono esingaxolelekiyo, ngokutsho kukamfundisi. Kungcono ndife kunokuba ndiphile igama lam liqukwe nobutabane.

Undincekelele umama, efuna ukuba ndithethe le nto indihluphayo, le ibange ukujika kwam phambi kwamasango eHadesi kabini.

“Andingomntu.” Ndaqala ndatsho ndinyibilika, ndingasamjonganga. Ndaguquka ndajonga efestileni.

“Uthetha ukuthini, Thobani.”

Ubuye wajikela kwicala endijonge ngakulo. Akundijonga emehlweni zaziphumela iinyembezi emehlweni kwabanjalo ke nokuphuma kwenyaniso, ngathi itsalwa emazantsi entliziyo yinto endingayaziyo.

“Andiyazi into endiyiyo, mama.” Ndiqhubile umama endijonge kalusisi, oko kwaba kukuhlabeka kwam. “Andifani namanye amakhwenkwe.”

“Sonke sahlukile, mntwanam. Fan’ ucinge nje, ilizwe ngeyiyindawo edika kangakanani ukuba sonke besifana.”

Ndaluva uthando lukamama luqulathwe ngala mazwi, yaya ithamba intliziyo yam.

Kanti umama akafani nomfundisi wakhe? Ukuthetha kwakhe kwakungathi wayengelo rhamente kulo nkonzo yalo mfundisi ndimthiye kunene.

“Ndahluke kakhulu, mama.” Umamele ngenzondelelo. “Ndiyilanto umfundisi athi uThixo akayixoleli.” Ndizame ukucinga amazwi endingamenza acacelwe ngawo. Ndikhangele nje wayengandiva ukuba ndithetha ngantoni na.

Laphuma ndingalilindelanga, elithi, “Mama, ndisisitabane.” Andiyazi ndasifumanaphi isibindi sokuthetha lonto.

“Yintoni leyo.” wabuza umama.

Kwafuneka ndicacisile ukuba yintoni isitabane kuba umama wayengazange alive elogama.”Ndikhanuka abanye abafana.”

* * *

Sixele ukuba ucinga ntoni: Ingaba umama kaThobani uzokumthanda unyana wakhe ngoku sevile ukuba isisitabane? Ucinga ntoni ngalento ithethwa ngumfundisi?