Isahluko sesixhenxe

uMagawula wafikela uVusi ngelixa esa lele wayeme entla kwomondlalo wakhe, wakhawuleza wakhupha ola thuthu lumhlophe waligalela kuye nakuVusi baze banyamalala bokufika kumqolombe owaye khanyiswe ngama khandela. Oluthuthu lwamenza uVusi alale obona buthongo bumangalisyo, wambeka emondlalweni waze wambophelela inyawo kwakunye nezandla. Ngelixesha uVusi wayephupha ekweyona ndawo intle kugcwele imithi eneziqhamo ezinkulu ezinikisa umdla. uMagawula wamqaba ngamayeza ebusweni nasemilenzeni ethetha izilwimi ezingavakakiyo.

” UMagawula umfumene uVusi yakusinceda into yokuba sibilise le yethu imbiza ukuze kutshabalale leyakhe imbiza, uVusi akanamandla usalele,” watsho uTshawe.

Bakhawuleza bancedisana ukubilisa imbiza behlweleza kwabaphantsi beba nqula, yaqalisa ukubila imbiza .USine noThenji bangena kwisikrobo ababethanda ungena kuso beseba ncinci xa besiya ebukhosini, baze bankqonkqozela uThemba. Bafika ngethamsanqa uThemba engalelanga. 

“Nibekwa yintoni apha ngelixesha, ingaba ikhona into eniyivileyo ngo tata?” Wabuza uThamba ebukeka ekhathazekile.

“Abakabuyi na ku Tshawe oKumkani,” wabuza uThenji.

“Ubabonile? “Wabuza ngoku khawuleza uThemba.

” Kunjalo ngentseni, kodwa asikho apha ngalonto sesivuya nje ukubona ukuba uMagawula Akaka sondeli kuwe,” waphendula ngelitshoyo uThenji.

“Bezakundenzani uMagawula?” Wabuza uThemba.

uThenji wazama ukumcacisela wabe yena uSine echophe phantsi. 

“Yimani ayihlangani lento kuba uMagawula umfumene noba ngubani lo uyi nkosana kwaye amandla akhe ayaphela, xa ingenguwe ngubani omye oyinkosana?” Wabuza uSine.

Bajomgana bexakekile. “

Yazi ndinalemizwa yoyikekayo, yokuba ukhona umntu osengxakini futhi ndiyamazi ndimva ngegazi, qha andiqinisekanga ukuba ngubani, ukugqibela kwam ukuziva ngoluhlobo, ndavuka kusithiwa uVusi umkile ubalekiswe ezinzulwini zobusuku wasiwa eGoli,” wacacisa njalo uThemba.

” Unyanisile uVusi beke wathi unamaphupho amabi, kwaye noTata wakhe uye wayobona uTshawe kunye nekumkani,” wongeza ngelitshoyo uSine.

“Umna ndaniva nathetha, ndicinga sihambe sosindisa uVusi kuba icacile nguye lo usengxakini,” waphendula ngelitshoyo uThenji.

“Khawulezani nithathe izikhali ndicinga ndiyamazi uphi umfo wethu, Sine ndathemba uyiphethe ingcambu yokubulala abathakathi,” watsho njalo uThemba ekhawuleza ephuma.

Bakhawuleza bamlandela nabo OoThenjji indlela isingabezintabeni. Ngelilixa uTshawe wayengayekanga ukubilisa imbiza bencedisa nabo OoKumkani ngokunqula. “Magawula!!! Magawula! Yivuse le nkosana awuyazi igazi lichithwa umntu ehleli ekubona ukufa,” lakhwaza ilizwi, lavakala nangaphandle konqolomba.

” Ndaxolisa nkosi yam, wena ndakwesaba umkhulu nkosi yam,” waphendula njalo uMagawula.

Waphinda wakhupha uthuthu olumhlophe walugalela kuVusi, ngelishwa uVusi wayemgavuki. 

“Kumkani yam esabekayo andazi kenzeka ntoni kodwa akavuki lomfana,” watsho ngelizwi eloyikayo.

“Magawula! Magawula! Sowufuna ukundi casula? Ndithi vusa lentwana.”

” Ndiyazama nkosi kodwa unamandla umoya wakhe wonwabile apho akhoyo,” watsho uMagawula esoyika.

“Uyabona Magawula! Ukuba andilifumani eligazi namhlanje ndizakuthatha elakho.”

Aww! Ndakuba yintoni ukudanisa kwakhona nkosi, ndizakuphinda ndizame,” watsho emphinda ngothuthu kodwa tu ukuvuka uVusi.

” Owu! Yinto enzakuyithini na le,” wazibuza uMagawula esoyika.

“Kukho umoya ondaka obambe lembiza futhi unamandla, kumkani iyakunceda ukuba uke unqule umka wakho nguye onamandla,” wacebisa uTshawe.

“Mamgiqwa mfazim wam unyana wethu uyasidinga, khanyisa jikijwa, veza ubukho bakho,” watsho njalo uKumkani.

“Magawula kuphelile ngawe dedela inkosana ihambe, wangena ngelitshoyo uThemba.”

“Akhonto iphelileyo apha namhlanje liyachitheka igazi,”waphendula njalo umagawula ephethe umkhonto , wabaleka efuna ukuyokuhlaba uVusi ngawo.

Uthe engekafiki wanqandwa ngomkhonto nguSine , baze baqalisa ukulwa inguphantsi phezulu, bangenelela naye uThemba kwakunye noThenjiwe, besilwa.

Imbiza yaqalisa ukushukuma kwindawo ibihleli kuyo oku ingathi kukho umntu oshukumisa itafile le lihleli kuyo iyeza, uMagawula wayenamandla waba betha bobathathu, wabatshala babetheka eludongweni. Uthe wakugqiba wathabatha umkhonto esiyaku gwaza uVusi, wathuke woma xa kuvele wathi gqi umoya ka Mama ka themba ikumkanikazi uNokwazi ekudala yalandulela eli. Nokwazi, wavakala esitsho uMagawula ewakhuphe amehlo kukothuka, uthe esajonge leyo yasuka yawa imbiza lachitheka lonke iyeza. Bothuka nabo Oothemba ukubona uNokwazi,

“Noba sewufuna kangakanani awusoze ufumane elam nele ndodana yam igazi, umna zange ndikwazi ukuzikhusela kodwa soze ndoyiswe kukukhusela unyana wam”, wavakala esitsho uNokwazi.

Wathi ezama ukubaleka uMagawula wakhubeka elityeni wawa, baphakama ngokukhawuleza Oothemba bamphakamisa baze bambophelela esitulweni. uSine wazama ukuvusa uVusi kodwa zange akwazi, ngethamsanqa bafika OoTshawe nabo bothuka ukubona uNokwazi. “Ndicela nithathe uVusi nigoduke naye nitshiye kulo mqolomba uMagawula atyiwe zintozake,” wavakala esitsho uNokkwazi waze emvakoko wanyamalala.

Benza njalo bamvala umqolomba ngelitye elikhulu bemhlelise phezu kwengcambu yokubulala abathakathi, ukuze angakwazi ukunyamalala.

” Magawula wohlulekile kwakhona ukwenza umsebenzi wakho, kanene uMehlwegazi ubenza ntoni abantu abangazenziyo izithembisa zabo,” wabuza uMehlwegazi.

“Yhuuuu! Ndaxolisa kumkani,” savakala isikhalo izintabeni kwavutha emqolombeni.

Ngosuku olulndelayo ngentseni kwavakala isikhalo sendoda uMvulane umyeni ka Magawula xa esothuka ukuba umfazi wakhe ufemnyama okomntu otshileyo ecaleni kwakhe, abantu belali bothuka sesisi ganeko, ukufa kwakhe kwakungu ndabamlonyeni. uThembakazi wasinda njalo ekutshateni, uVusi wahlala intsuku ezimbini kwa Tshawe esalele.