Isahluko sesibhozo

 “Khawutsho tata yintoni ebangele ungasixeleli inyani ngoku sibadala, uyayazi indlela ekudala ndimbawela ubhuti omkhulu, kube umna andikaziboni ndiphethe ilali yonke,” wabuza uThemba.

“Ndandisoyika nyana ukuba uMagawula uzakumfumana lula umntakwenu xa emazi ukuba ngubani,” waphendula ngelitshoyo uKumkani.

“Umagawula wambulala ngasizathu sithini umama ngaphandle kwesiphiwo sakhe?” wabuza uThemba.

“UMagawula kwakufuneka inguye iKumkanikazi yalapha, abazali bam nabakhe babengabahlobo abakhulu ngonko ke benza isithembiso sokuba xa ndikhulile ndizotshata nentombi yabo uMagawula.”

“Ndathi ngoku sendikhulile umna noMagawula singabahlobo ndadibana nekumkanikazi yakwilali ephesheya, kwindibano uTata wayeyenzile.”

Ndamthanda ndiqala ukumbona uNokwazi zange ndikwazi nokuzibamba, ndathi ndakuxelela abazali uTata okonwaba kuba esithi ndimosha ubudlelwane bakhe nosapho lwakaMagawula, ndamcenga uTata wade wavuma, baqhawuka nyani ubudlelwane.”

,

! “UMagawula waye watshatiswa nendoda angayaziyo waze umona waqala apho.”Wayesenza izinto ezoyikisayo zimana ngokwanda, zobandlongo ndlongo kakhulu wakuva ngesiphiwo sikanina, kuba umama wakho wayembona izinto ebezenza. Kuthe xa kumithwe uVusi uMagawula wazama ngazndlela zonke ukuba siphuncuke isisu, unyoke walunywa intsuku ezintathu wazala kwelesine usuku waze wandicela ukuba ndithi sichuncukile isisu kuba umntwana akakhuselekanga.”

“Ndayenza njalo ken am ndanika ungconde nomkakhe ukuba bandikhulisele uVusi kwadwe kwalapha, wacacisa uKumkani. Ndiyakuva tata kwaye ngasiva nesizathu sakho siyavakala, masithembe noVusi uzakusiva, waphendula ngelitshoyo uThemba. Masithembe nyana, wavala ngelitshoyo uKumkani egona unyana wakhe.ngosuku lwesine uVusi wade wavuka, uKumkani wabiza umhlangano phakathi kosapho lwakhe noluka Ngconde, uSine kunye noThenji babe menyiwe nabo. Mandiqale ndinibulele ngokwenza ixasha lokuvela ngomzuzwana omncinci, ndibize lo mhlangano ukuze kukhanyiselwe uVusi ngokwenzekayo ukuze sikwazi ukhomba indlela eya phambili, wacacisa ngelitshoyo uKumkani.”

“Ndaxolisa bantu abadala ngokuphazamisa”

“kodwa ndicela nindiphe indlebe phambi kokuba niqale, wavakala esitso uVusi eme ngenyawo.”

” Akhongxaki nyana ungathetha, wavuma uKumkani. Ndabulela, ndifuna ukuqala ndibulele kuni nonke ngokusindisa ubomi bam, ba beningekho ngendingamanga phambikwenu ngoku, okwesibini ndi funa ukunazisa ukuba yonke lento nizakuyithetha sendiyazi. (bothuka abantu be humhumza) Ngelixesha ndileli ngayo bendingalelanga kulala ntonje bendisahleli nabantu abadala abalandulela eli, kweyona ndawo intle ineziqhamo zonke.”

Ndiye ndanethamsanqa ndahlala no Khokho kunye no Mama, abathe bandibalisela konke okwenzekayo bendixelela ngemvelaphi yam, neyelikhaya lobukhosi, ndiye ndakhanyisela ndalikwa igama lam lokugula ngumama ebendiqala ukumbona elingu Khanyisindlela.”

“Ndiye ndaqatshulwa ndaboniswa intonga yam yokusebenza ukuba nzayifumanyaphi, ngoko ke ndiyazazi ukuba ndingubani ndibulele kubazali bam abandikhulisileyo leminyaka yonke bendibonisa indlela, ndisithi enkosini bazali bam ndakuhlala ndingula Vusi wenu umncinci nimthandayo noba asizobe Sisonke rhoqo, waacisa njalo uVusi eshiye wonke umtu ethukile uMamkabane elila yena. Waphakama esihlalweni sakhe uMangconde wayongona uVusi emxelela ukuba uyamthanda, walandela noNgconde, no Themba kunye no Kumkani uDaliwonga.”

“Ndaziqenya ngawe Vusi,” watsho uSine belula inyawo no Vusi emva komhlangano.

” Ndabulela ngento yonke ondenzele yona kube ndayazi ukuba nguwe obengumkuseli wam, ndibe ndilele umna, “wabulela uVusi. “

“Sonke sidlale undima kodwa enkulu idlalwe ngumama wakho yimbokodo leya nasekufeni,” waphendula ngelitshoyo uSine.

“Ndayazi kodwa ndabulela, watsho emqabula.”

“Ndicela uxolo ngonibhudisa kodwa, singahamba nathi?” wabuza uThemba encumile.

“Uyayazi nje ukuba asoze singavumi mntakwethu,””waphendula encumile njalo uVusi.

” Kudala ndayithetha lento yenu yokuba niyafana ingathi niyazalana ithe kanti beninyanisile ixesha eli lonke,” watsho u Thenjiwe.

” Kwaye kudala usitsho nkosazana, “wangqina ngelitshoyo uThemba emsondeza aze amgone.

” Niziyithetha ukuba kwenzeka ntoni phakathi kwenu nobabini okanye? ” Wabuza uSinesipho bejonjene nVusi ku dideka.

” Siyathandana aniboni nanina,” waphendula uThemba encumile.

“Hayi sesifikile na apho,” wabuza uThenjiwe ezothusa.

“Uthetha njani kengoku Thenjiwe ndikuxelele izolo oku ukuba ndakuthanda nje nawe wayivula intlizyo yakho ngoku uzama ukuthini?” Wabuza uThemba ebukeka ekhathazekile.

“Bajongana uVusi noSine, ndakudlalisa sthandwa sam yintoni ukhathazeka msinyane kangaka,” watsho ehleka uThenji.

(bancedisa OoVusi)

“Suyenza lento ugqibo yenza yintoni ufuna ndimelwe yintliziyo, waphendula ngelitshoyo uThemba emleqa ebaleka naye uThenji engayekanga ukuhleka.”