Isahluko sesithandathu

‘Kutheni ungandimameli nje xa ndithetha nawe nje Thumeka, ufuna ukundi jongisa ngale lali? Uyinxiba njani ilokhwe emfitsane oluhlobo kodwa uzobonwa lusapho lomyeni wakho?” Wabuza uMagawula ebukeka ecaphukile.

“Andiyazi nokuyazi lendoda undithumela kuyo mama, yaphelaphi inimba yakho lento uzonditshatisa nomntu endinga mthandi nokumthanda,” waphendula njalo uThumeka ebukeka efuna nokulila.

“Andizobe ndixoxa nawe ubuvuvu iyakunceda into yokuba ukhulule lo lokhwe unxibe le bendiku khuphele yona uziqoqoshe ulungiselele indwendwe zethu into yokuphunga,” watsho njalo uMagawula ngelizwi elirhabaxa.

“Ndakugqibela nini ukubona uphakathi kwezi ndonga zobu bukhosi Ngconde ndathemba kodwa akhonto imbi,” watsho uKumkani uDaliwonga esamkela u Ngconde.

” Ingabe ndaku khohlisa kumkani ukuba ndithi ndikuphathele indaba ezintle, eyona nto indibeke apha kukwazisa ukuba ixesha lisishiyile uMagawula sefuna ukuchitha igazi lenkulu yelikhaya,” wacacisa njalo uNgconde.

“Andinothi ndothuke kakhulu ngezindaba uza nazo Ngonde, unina ka Vusi undifikele emaphupheni esithi ubona igazi elininzi ezandleni zakhe andazi lithetha ukuthini iphupha eli kodwa ndiyiqondile ukuba inento nokwenza ngoVusi,” waphendula njalo uKumkani.

“Ngoku kumkani sakwenza njani, uVusi noThemba bayivula ngosesikweni iKliniki ngomso,” wabuza uNgconde.

“Iyakuba lithuba elihle eli kuMagawula kuba naye uyatshatisa intombi yakhe lonto ithetha ukuba wonke umntu elalini uzobe ephithizela , ngoko ke iyakusinceda into yokuba nathi sizilungiselele siye ku Tshawe alungiselele imfazwe, asinokwazi uphunculana nobomi benkulo yasebukhosini, ukhumbule Ngconde uVusi akayo nkulu nje usisi tixo sobubu khosi, yonke into evela kwabaphantsi, nekufuneka yenzekile apha ebukhosini iqala kuye, nguye umphuphi omkhulu, yilento uMagawula efuna igazi lakhe lichithakale, wayibeka njalo uKumkani. Masithethe sisiya kuTShawe kumkani ixesha asinalo,” watsho njalo uNgconde esukuma apho wayehleli khona.

“Inoba unongcobo oko amayeza ekliniki efikile,” watsho uSine encumile.

“Kakhulu kunakuqala ingakumbi kube siyivula ngomso ngorhatya,” waphendula njalo uVusi.

“Ndiyavuya xa kunjalo ndinexhala yalemizwa ndiyivayo yokuba ingathi ikhona into embi ezakwenzeka, qha andazi nini, phi okanye kubani,” watsho njalo uSine ebukeka ekhathazekile.

‘Unexesha elingakanani usizva oluhlobo?” wabuza uVusi.

“Emva kwephupha ekumana ndiliphupha, lomfana osebumyameni ocela ndimncede, ntonje adide ndimbone ebusweni kodwa ndayazi kufuneka ndimncedile,” wacacisa njalo uSine.

“Nam ndinamaphupho endiwaphuphayo, ndibona ndime esidikidikini somfula ndingakwazi kubhuduka, kodwa kukho umntu ongumama ome qelele kum ophethe I apile kodwa ndothuka qho ndingekali thathi,” wacacisa njalo naye uVusi.

“Liyakrokrisa iphipha lakho, ubuso balo mama uke ububone ephupheni?” Wabuza uSine.

“Ume ebumnyameni akabonakali,” watsho njalo uVusi.

“Molweni bethuna nithetha ngantoni lento nibukeka nikhathazekile,” wabuza uMagawula ovele wathi thu! Phambi kwabo bengacingelanga.

“Molo mama akhonto ingako siyazithethela nje,” wakhawuleza waphendula uSine.

“Mhmm! Kuhle xa kunjalo, ndathemba ukuba nivile ngomtshato wentombi yam uThumeka ozobamkhulu ngomso,” waqhqyisa njalo uMgawula.

“Sivile mama kwaye sani halalisela emzini wakho,” waphendula ngelishoyo uVusi.

“Ndabulela nyana, kodwa ndathemba nizobe nikhona nizokubhiyoza nathi,” watsho njalo uMagawula encumile.

“Andiqondi mama ngoba ngomso sizobe silungiselela ukuvula ikliniki,” waphendula uVusi.

” Ikliniki niyivula ngokuhlwa ndinesiqinisekiso sokuba ningakwazi ulenza ixeshana lokuzovela nje angavuya kakhulu uThumeka unibona, ingakumbi kuba ehlelinje uthetha ngani. Sizakubakhona mama sukhathazeka,” waphendula uSine.

“Kuhle ke, Vusi ndavuya ukubona kwaye ndikunqwenela okuhle nge kliniki yakho,” wabashiya ngelishoyo UMagawula.

“Andiyazi kutheni kodwa andimva tu lo mama igazi lakhe nelam alidibani,” watsho njalo uVusi.

“Ndiyayazi lendlela uziva ngayo, ndabulela ngokuzondibona kodwa kwakufuneka ndibuyele endlini,” watsho njalo uSine.

“Kulungile masibonane ngomso emtshatweni wamabhongo,” waphendula njalo uVusi ehleka.

Kwathi ezi nzulwini zobusuku njalo, uSine waphupha unina emvusa esithi ixesha lifikile, kuzochitheka igazi maka vuke ayonceda inkosana. Wothuka uSine leliphupho wakhawuleza wavuka waphuma ezi nzulwini zobusuku, esiya kumhlobo wakhe uThenjiwe. Wafika wankqonkqoza efesitileni yegumbi lakhe wothuka ukhembi wakroba okuva ilizwi lika Sine. 

“Ntombi kwenzeka ntoni?” Wabuza uThenjiwe ebonakala ethukile.

“Ndicinga ixesha llifikile uMagawula uzomenza namhlnje umsebenzi wakhe,” waphendula ngelitshoyo uSine.

“Ndilinde nditshintshe sihambe ntombi,” watsho uThenjiwe.

“Khawuleza ntombi indlela isikhoma emfuleni, kulapho somfumana khona uMagawula.”

“Magawula!!! Magawula.. lifikile ixesha imbiza seyilungile kunye nomkhonto owuzokumsebenzisa ekuhlinzeni inkosana,” latso ilizwi ngesandi esikhulu.

“Kunjalo nkosi yam ndilungiselela ukuvusa inkosana yethu,’ waphendula njalo uMagawula. 

“Ixesha selifikile madoda uMagawula unamandla xa kusebusuku inyanga igcwele, kuyakufuneka sizame indlela yokunyamalalisa le mbiza yakhe,” watsho uTshawe ecacisela uKumkani kwakunye noNgconde.

“Asinaxesha lininzi imbiza seyibila,” wagqibezela ngelitshoyo uTshawe.

Ngeli lixa uSine no Thenjiwe babekhawuleza besinga emlenjeni apho kwakukho uMagawula eme esi diki dikini somlabo, bathe xa befika wothuka uMagawula okubona uSinesipho, bakhawuleze bangena nabo emanzini uSine wajula umkhonto ebeyiphethe kuMagawula efike yamhlaba engalweni. Uye wacaphuka uMagawula wathabatha imbiza yakhe, wazigalela ngothuthu olumhlophe wanyamalala. Baye bothuka OoSine bakhawuleza baphuma emanzini. “Ingaba uduke wayaphi kengoku Sine?” Wabuza uThenji ebonakala ethukile.

“Ndididekile nam Thenji mhlobo wam, yima ephupheni umama uthe mandivuke ndonceda iNkosana,” watsho uSine.

“Inkosana ngu Themba kaloku Sine, mhlawumbi ngulomfana bukade uphupha ngaye lona,” waphendula ngelitsoyo uThenji.

“Mhlawumbi uya kuye, masikhawuleze ntombi,” watsho njalo uSine ebaleka.