Qhude manikiniki zindala zombini, kudala zizondana ziyeke zityobatyobane zity’ imithima zithi zipesika .

Ngu Ngqosini

Gaba

Cihoshe umbali, phuma phesheya kwentaba ngentaba , phesha kwenCiba kuGatyane vovayise mlomonyoko apho kungagatywa mntu , mntu zigatya ngokwakhe . Maqab’ aqabimbola ndicela nindibolek’ indlebe zenu ndiziphakel’ ukutya kwazo, ngamehlo ze niphawula ngoba kaloku inyath’ ibuzwa kwaba phambili, ndiyakuthi ndiqale apha kuthiwe ngowuqale phayaa, ndiqale phaya kuthiwe ngowuqale apha..

Zihlabana nje ziyalamba

Mhu-u-u-u zagquma zabhonga

Zaxel’ izulu lingqekreza

Zangqisha kwaqh’ uthuli

Zagqubana santyontyela

Sakhuphusana ngamakhwelo

Govu! Bhokro-o-o zabhovozana zahlabana!

Kuhlaban’ inkomo zomthonyama

Nazi iinkab’ ezimaxhaka

Zivalelwe kuthango lwabathakathi

Ingca ziyayinkinkishelwa,

Ingca ziyayiphoselwa

Kodw’ uqaqaqa udlal’ abantwana

Kusikwa ngerhengqe kuphoswe

Zilwe zona ngaloo nketha-nketshana

Zinukunezwa kananjalo

Zihlabana nje ziyalamba

Nazi iimazi zamasi

Zihlabana nje ziyalamba

Bayahluth’ abazisengayo

Basengel’ emlonyeni naseselweni

Batye batyekeze babhukuxe

Kodwa abavumi kuzivulela

Bath’ abakahluthi ngumphothulo

Zihlabana nje ziyalamba

Bekungekho nempunde na

Enokurholihlahl’ ivul’ isango

Sakuyithiya sithi “Rholihlahla”,

Siyiwonga sisithi “Vulisango”,

Zophoma zigramz’ uqaqaqa

Zinquntsuze zinga ziyadlisela

Ibengu bhexe, bhuuu gqabadu

Zithwal’ amatshoba zigqotsa

Zixel’ amagqirh’ entlombeni

Tyhini nam ndadloba

Tyhini nam ndalibon’ ilangaaaa

Nde-e gram-gram ndawuty’uqaqaqa