Ukufa akwamkeleki kalula

Ewe, leyo yindlela yokuphila,

Kodw’ ukufa akuqheleki

Kuhlala kusimangaza, kusothusa,

Kodwa ke, siyaxola.

Ngawe akufani.

Iphele ide ilanda isilimela iminyaka,

Kodwa kuyfana.

Andixoli, andilibali

Kodwa, ndamkele.

Uncumo lwakho undijonga okokugqibela ngawenyama

Ndisiva uthando nentlungu

Ngoba kaloku iindlela zakho ekuphileni

Zaba ngumda, zasohlukanisa

Andilulibali, luhlala lundincatheme

Ndimana ndisithi akwaba.

Akwaba ndandikuxelele konke okusentliz’weni

Uhambe uqinisekile ‘ba ndiyakuthanda

Kodwa ke, ndiyethemba uleli ngoxolo

Ndiyethemba uyalubona, uyaluva uthando lwam

Ngoba kaloku olwakho uthando,

Nanamhlanje ndisaluva,

Lolona luyinene ndilwaziyo.

Akwaba ndandikwangile,

Ok’ okuba ihlekisane okokugqibela

Kodwa sowuyawuqhuba, ulale ngoxolo.

Amazulu akungxamela.

Phumla, uyilwile, Tau!