ewe ndiyavum ‘akukho lula

ubomi bunamagingxi -ginxi

ubomi bungu mehla-ndenyuka

kodwa noko kunjalo

kuyafuneka uqin ‘ edolweni ungabi etye-etye

ucel’umveli nqangi akupha’amandla

akukhanyisele , akomeleze

kaloku aph’ebomini sisempini

silwela impumelelo

elowo nalowo uyifunela ngakuye

kodwa yiba nethemba

uhlale ekholweni

khumbula ithemb ‘ alibulali ntonje liyadanisa

yilwa usebenze ngamandla

lomhlaba awufuni ma etye-etye

futhi akekho owayethe ubomi boba lula

besingenozalwa silila kanti ubomi bulula

ubomi ngomzamo mntasekhaya ungatyhafi

wokukhubeka vuka uzivuthulule , ubuye uyozama

kwakhona khumbula ijoni lifela emfazweni.