ewe ndiyavum ‘akukho lula
ubomi bunamagingxi -ginxi
ubomi bungu mehla-ndenyuka
kodwa noko kunjalo
kuyafuneka uqin ‘ edolweni ungabi etye-etye
ucel’umveli nqangi akupha’amandla
akukhanyisele , akomeleze
kaloku aph’ebomini sisempini
silwela impumelelo
elowo nalowo uyifunela ngakuye
kodwa yiba nethemba
uhlale ekholweni
khumbula ithemb ‘ alibulali ntonje liyadanisa
yilwa usebenze ngamandla
lomhlaba awufuni ma etye-etye
futhi akekho owayethe ubomi boba lula
besingenozalwa silila kanti ubomi bulula
ubomi ngomzamo mntasekhaya ungatyhafi
wokukhubeka vuka uzivuthulule , ubuye uyozama
kwakhona khumbula ijoni lifela emfazweni.