Zisakuphela iinkuni uyacima umlilo

Sizingxwelerha!!

Qamata!! Qamata!! Qamata!!

Owu! Liyatshona ilanga.

Sizingxwelerha nyana wokhokho bethu,

Sicela usikhusele kuba kaloku umkhono wekati uyagquba uyagqugqisa kwiizixeko zethu.

Ndithi sele siphuma ngomnyango intliziyo zethu zibethela ukuma,

Sele becela iswekile sibanika ngefesitile.

Ndithi sele kutshisa ilanga avalwa ngci amacango.

Nokuba uneeponti ezintlanu ubanexhala.

Sele uzisokolela kufuneka ucingele nabo

Kowu! Thina sizizisulu onqevu bakhululekile.

Umkhono wekati uyalawula ichiza kuzithulela.

Qamata mvelinqangi nyana wokhokho bethu,

Sone phi na thina siyilungise.

Ngoba kuba ngasa sizingxwelerha.

Laphalala igazi okwanzi omthombo.

Lawula ngoxolo nothando sibhityela ezimpahleni.

Nokuba urhuqa amahlahla ubanoloyiko.

Ndithi sele uthukwa ngumntwana uthi kulungile, kuba kaloku singamaxhoba.

Sele uzihambela intliziyo ibethela ukuma

Yhini na Qamata mvelinqangi sikhusele.

Nokuba ulihlwempu nokuba usisityebi sigxwala emswaneni.

Khangela xa bethe dundululu okwenkabi zeegusha zisifa ngumhlaza,

Asikhuselekanga ntonje sizizisulu zonqevu.

Akukho apho kunjani jikelele ubom buyasongwa.

Basingenela ezindlini bakhabe amacango,

Basingenela eziroxweni ibengulo nalowo ukubheka ngasemnyango.

Sele sisicaweni basiphethele imbengwane bayasihlasela.

Ndithi mna sele sibuya esikolweni sicinga kathathu.

Kowu! Bawo senzeni na thina kweli lizwe lethu.

Nditsho nabakwa ntsasana baruqa iinyawo.

Sele ingumhla wesiganeko bafika sekugqityiwe.

Inene inene ubom buyasongwa thina sobabini sizingxwelerha.

Umphefumlo wam akusentsuku zakutywala ohlukane nenyama.

Kuba siphila ubomi obufutshanene.

Lo mkhuba ukhalinyelwe ngoosomashishini.

Lo mkhuba ukhalinyelwe ziinkokheli

Lo mkhuba ukhalinyelwe ngabahlali

Lo mkhuba ukhalinyelwe ziziphathamandla.

Kuba le nto ayinamntu utheni,

Nokuba ungumfundi,nokuba ulikholwa,nokuba ulihlwempu nokuba usisityebi, nokuba uyimvumi sele uyimbongi,

Isono sakho kukushicilela.

Kowu! Zaphalala inyembezi ndakuba ndindedwa,

Ndakucinga abanintsi abangasekhoyo.

Mna nawe sizingxwelerha Qamata sikhusele.

Ndinikeni usiba ne-inki ndibhale ndingekafi 💔

Isisele Senyathi