Krwaba!! Yophuka intliziyo yam.

Ndiyekeni ndihambe.

Yhini na! Undizonda ndikwenzeni?

Ndikutyala ntoni ude undingcolele kangaka.

Awundinqweneli nto.

Awufuni ukundbona ndisiya phambili

Ndiyekeni ndihambe.

Ivumba lam ulijoja ndingeka veli kuba ndisothi gqi, upica isikhohlela.

Okanye ndisesaspoponi ofaka kuso isikhohlela eklinikhi?

Nxesi! Gambutsi ukuba ndikugqwethile

Ndikuvile usithi awundiphawanga,

Kakade kwaphiswa ngam kumama ondizalayo.

Ndiyekeni ndihambe.

Sendicatshukelwa ngabantu nje kukuba nindibambile.

Ilanga libuyele kunina, ndikhululeni ndihambe.