Iqale ngesikhalo.

Ndandisitsho esifana nemfiyo

Kuve ilali yonke

Zenzeka izinto yaphela yonke lonto.

Bathi engakhaliyo ifela embelekweni kodwa

Xa ulila uyathuliswa .

Senzeni kanti sikhale?Singakhali?

Jonga ngoku imiphumo yokuthulisa kwenu

Esam isikhalo asiviwa nandim.

Inyembezi ziyehla kodwa isikhalo asikho.

Ndifa ngaphakathi kuba akhonto endikwaziyo

Ukuyikhupha.

Intliziyo yam idumbile iyaqaqamba ilihlwili

Intlungu yam akukhomntu uyibonayo noyivayo

Ngoba kaloku andikwazi kulila

ndikhwaze intlungu yam.

Ndithini ndilile okanye ndingalili?

Olilayo libhetye bhetye ,olungakhaliyo

Lufela ebelekweni ,ndithini ndiyabuza?

Nditsho ngesikrakra kujonge umhlaba wonke

Okanye ndithule ndibelolu lufela embelekweni?