Abantu bazoku mangaza, ndiboleke indlebe ndize nendaba. Ndikuncokolele ngendaba yaba melwane abasoloko bengenamvisiswana kodwa xa ubabona bendawonye behleka kuvele elomhlathi.

Ndigqitha kwelinye ibobosi, abamelwane bayancokola kuqhuma uhleko ndibulise ndigqithe. Amabobosi abo ayalandelana, elomnye lingaphambile kuthi elomnye libengasemva. Kuthi ngemini elandelayo ndigqithe kwakhona, ndimbone lona ongasemva esemnyango ecoca ibala lakwakhe.

Kugqithe iyure ezimbalwa ndibambe indlela eyogqitha ngakhona, ndimbone lo ongaphambili ehamba ngokukhawuleza kucaca intokubana uleqile uphethe nemithwalo enjalo nje. Nditsho ngaphakathi ngengcinga ukuthi uleqe usapho lwakhe, inoba uvela edolophini. Undimangazile xa efika ebaleni lakwakhe ebaka phantsi imithwalo, nango ejikeleza ibobosi lakhe enjonga nakwammelwane wakhe.

Yandihlupha lento endimbona eyenza, kanti ngethamsanqa ndizodibana naye endleni. Ndimbuze ngalanto endimbone eyenza, athi ” jonga apha bhuti, undindwebele ummelwane wam. Xandikhe ndanendlela uvele acoce ibala lakwakhe bese izibi ezishovela emva kwebobosi lam.” Indothuse lento endiyivayo kuba ndabagqitha bonwabile bezihlekela ngenye imini.

Zihambe intsuku kwazothi enyangeni elandelayo kube yigem yakhe yokucoca lo ongaphambile, akakho lona awakhe ngemvu. Ndicinga wayesazikhuphile eyofuna angenako, naye xandisiva kuthiwa wafeke wenza okufanayo wakhangela lapho kudibana khona umda wamabobosi abo. Xabembuza uthi ukhethele kuku ndwetyelwe ngummelwane wakhe, okuthi xa engekho ahlehle kancinane emdeni wamabobosi abo.

Ndizibuza umbuzo othi yintoni lena eyasoloko ibangwa ngabamelwane?

Ndicela onolwazi akhe achaze bethunana,avele ngaphambile yelashwe lentsholongwane yokungavisisani kwaba melwane.