Ndigwebeni ngokufanelekileyo

Hayi ngokwenkangeleko nangezityholo

Mandiyifele endiyaziyo

Ukungathathi ntweni kwam makungandifaki esihogweni

Ingcinga zenu ngam zindakhal’ ntshaba

Tyhini ! Ulwimi lunethamsanqa

Lona lityhutyha izizwe ngemizuzwana

Kwathini na lento wena ukholeleka msinya

Gqi ngam sendisisilwanyana sabumini

Ndimbi ebantwini ndingajongeki

Makandixele owaziyo ndandenzeni

Qamata khawuvele naku ndizakufela unobenana

Hlebeza kwezo ngqondo mhlawumbe ziyokuthamba

Kaloku u’andenzanga nto akasasebenzi

Inene xa ungakwazi ukuthetha uyakufela emanyaleni

Kodwa akusenani ndigwebeni.