Ntonje uthe “hayi, andinamndla, b’uti hayi”
Bendiba ingomso lelethu nenzala yethu
Zange ukufilisha kwakufutshane kangaka
Akho magama, andizibizanga nangegama
Hayi inene andinamagama nesigama
Kwaye kusemgama inene ziyaGanama
Bendiba mna nawe sakuthiya iinkwenkwezi
Sixwesise sidibanise sakhe ikamva kuzo
Umfaneleko wakho nemfaneleko yam
Bendiba iyakufanelana senze umfanekiso
Ntonje usuke wathi “hayi Bhuti, hayi, hayi”
Suka kwadaka ukhanya kwekhandlela lam
Kwangoko kwamfiliba kum emandleni
Ndazisola ukuba nditheni ukuze ndithi
“Maxhalanga ndidleni, ukuba ndifile ndifile”