Inxeba linga phola njani
Nisoloko nilinyola?
Lentliziyo le iphalaza gazi
Nithi izophola njani
Inxeba Eli liya tshotsholoza
Kubuhlungu
Intlungu inyanga ezinye iintlungu
Ndingam’libala njani
Ndicebiseni ngoku
Ndiphelelwa ngamathemba
Nindikhumbuza ngaye
Ndingafuni ukum’khumbula
Nindenza ndizisole
ngoba khange ndichite xesha
Xesha elaneleyo naye
Wayes’ekapa ndisezilalini