Ezintlungu uzivayo zezi ezizokwenza womelele sukulila de uqalekise.

Khawukhe uzithembe,uzithande

Khawukhe uzibuze lombuzo xa ungazithandi uzothandwa ngubani,xa ungazithembi uzothenjwa ngubani?

Ukusukela namhlanje khawukhe uzithembis e ukuba iinyembezi ozikhuphayo zezovuyo kuphela baxabise abantu kodwa sude ilibale ngawe,ulonwabo lwakho maluze phambili,kodwa malunga ukhokhelwa zinyembezi zomnye umntu.

Sonke siphuma kumakhaya ahlukeneyo intluphekho asiziceleli,xa uhlekisa ngehlobo aphila ngalo uthi makenze njani? Ulala njani usazi ukuba kukho abantu obaxhaphazayo ngezinto abangazicelelanga.Thandazani ningayeki.

Lumka mtakaMama kusemhlabeni apha mazingawi ngenxa yakho,uzukhumbule ezanyembezi aziweli phantsi ziwela esandleni sikaJehova.Lantlungu umvisa yona ucinga umgqiba amandla.Hayi mtanakaMama umpha amandla ukuba ubungayazi.

Bayeke bahlekise,bakujongele phantsi,bahlebe ngawe, kuba kaloku iinyembezi ziyoma,intliziyo iyaphola,iingxaki ziyaphela, uThixo uyaphendula.Thandazani ningayeki.

E.Hlwayi