Kwisixeko saseKapa kwakuhlala intombazana engu Vathiswa Sakube .Uvathiswa lo uneminyaka elinamashumi mabini ,wayekhuliswe nguDadeboyise uNtombonina.Kuthe emveni kokuba uNtombinina eswelekile Uvathiswa uye wagqiba kelokuba ayohlalisana nalowo wayethandana naye uLindani Ndawonde.

Ubomi babungelula kwaphela no Lindani engasayi nasempangelweni lonto iyeya khokhelela ekubeni uLindani aphelelwe ngumsebenzi.Impilo yayinzima kuba bobabini babengaphangeli.Kwathi ngaminazana ithile uLindani wabuya enxilile, Uvathiswa wayemangele kuba zange wambona enje uLindani kuyo yonke leminyaka bebehlala bobabini.Ngosuku lango Mgqibelo wafika sele ethukisela efuna ukutya apha ku Vathiswa.UVathiswa wambona ukuba ishubile wagqiba kwelokuba aye kumhlobo wakhe uSisipho,uthe xa esazokuphuma emnyango weva ngempama uthe esanjongeleyo weva ngengqindi lisithi “gximfi”ebuseni .Kuthe emveni Koko weva ngezibhaxu Zilandelelani .

Uvuke kubuhlungu umzimba kucaca ukuba ebengonjiwe,uthe xa eqwalasela apha endlini uLindani akakho uyewaqala wacoca indlu zewahlamba umzimba uthe akugqiba wanza into esiwaphantsi kwempumlo uthe esanqunqa ikhatshu wangena unkabi enxilile njengesiqhelo ifike wathi”Vathiswa awukagqibi upheka ungumfazi onjani wena.”Uyewamqhwaba ngenkunzela uthe xa ezoku mbetha ngeyesibini wathatha lo Mela wathi “gxuvu”apha emqaleni igazi belimpompoza ingathi ngamanzi avulelwe etepini,ebesihla esenyuka ecinga ukuba uzokuyisombulula kanjani lengxuba kaxaka.

Kudlule iyure ezimbini esacinga icebo ,uyewagqiba kwelokuba amtshise netyotyombe.Uye wathatha iparafini wayi galela kwikona ngekona yelo tyotyombe uthe akugqiba wathatha elo khandlela belikhanyise apho kulendlu walijula apha kuye kaqala kwavutha zewaphuma phandle uthe xa ebona ukuba umlilo uyanwenwa waqala wakhwaza “kuyatsha kuyatsha ncedani Bantu ncedani”naye baphuma abahlali bancendisa ukucika umlilo kuthe xa umlilo sele ecimile amapolisa aye afika,aye aqala ajonga ukuba ukukho mntu ulimeleyo aye abona amathambo kaLindani.Amapolise ayexelela uVathiswa ukuba uLindani akasekho uyewasitsho esofelweyo .

Laphela ibali