Ndixhelekile, Ndonakele ngendisitsho esofelweyo qha ngibanjwe yindawo ndikuyo.

Ewe ndifel ngaphakathi unobangela mgowokuba ndisamkele esisifo sokuba ndibe lilolo kulomhlaba. Nisuke nindenze intlekisa kuba ingehli kuni lenyewe, nisuke niqelele kum kuba ndenikw’intlupheko. Ndifele ngaphakathi akukho mntu nah?

Ndisuke ndiphalaze intlungu yam kuye.Yini na okopha ndigxigxe ndingenamntu? Ndasuka ndazibona sendinomnqweno wokuleqa ingcwaba. Bekungathiwa umntu ngumntu ngabantu? Inene lamazwi emkosele emlanjeni. Kushiyeke abantu abahleka intlupheko zethu,abantu abonwabiswa zinyembezi zethu.

Inene noThixo uyathula kubengathi akeva asuke athule athi tuuu engaphenduli. Vingci avaleke angaboni nalo ithemba lisuke lithi fohlo ndoyamile. Yiyo lonto ndisithi kuni inene,inene Nantsi intw’iyanditya.

E.Hlwayi