“Ndiqale ndabe ndigqibelisile ukuya emtshothweni,” Nditshilo kanye xa ndandihleli noLizo egumbini lam, ilanga litshonile. Ngoku iintlungu zazindiphethe mantsantsa. Ndibuye ndazisola ngokutsho oku kuba ndisoyikisela uLizo azibone ngokomntu ombi ngokundisa emtshotsweni.

“Kanti ndizakulanda ngomso lo usaya,” utshilo endincumele.Ukhuphe umgubo omnyama nemela empokothweni yakhe, ndaqala ndothuka.

“Luthuthu lwani olu?” Ndibuze ndimangele. Yona imela ndandiyinakile ntonje ndandisoyika ukubuza ngayo.

“Ayilothuthu olu ntanga, ngumhlabelo,” uwaphethe lawo egigitheka. “Goba.”

Ndiyiqethukisile intloko, akuqinisekisa ukuba uzakunyanga ingongoma. Uyisikile ingongoma yam esebenzisa ubuchule bakhe, wagalela loo mhlabelo enxebeni, ndopha.
Zazikho iintlungu, kodwa zazingandibhuqi ngalo ndlela kuba ndandimthembile uLizo kwaye neemvakalelo endandinazo zayidlala indima.

“Ndisekho ayinakuphinda yenzeke le nto. Uwunakuchikwa nayimpukane.”

Ndifane ndawathemba la mazwi kuba ububonakalisile ubukhalipha ngaphambili, ndaqonda ngaphakathi ukuba uya kundikhusela nakwezinzima iimeko.

Ndakuyicinga ke le nto ndaya ndiphelelwa ngamandla wokulawula endikuva ngaphakathi, yandongamela intliziyo ngeengcinga zothando ngakuLizo.

“Intliziyo yakho inkulu, ithobekile,” nditsho ndithabatha isandla sakhe ndisisonga siba linqindi. “Intliziyo yakho ilingana neli nqindi lakho.” Ndilandelise ngokuthabatha elo nqindi ndilibeka esifubeni sakhe, ndamamela ukubetha kwentliziyo yakhe, indivuyisa lonti. Yabanga ukudloba kweyam, ndabe ndimjonge ntsho ngamehlo amlangazelelayo. Ndandingasoyiki kumjonga kuba ndandingasabuva ubunzima bamehlo akhe, amehlo obukhosi.Ndizame ngako konke okusemandleni am ukungasondeli kuye. Ukusondela kwam kwakungadala into endingazisola ngayo. Kungako ke ndizame ukuzikhumbuza ngebali likamalume endalibaliselwa ngumama.

Umalume uZamile ngumntu endiva nje ngaye, ubonakala luzizi ezingcingeni zam. Wasweleka ndisengumntwana ominyaka mithathu. Akukho nto ingako endingayibalisa ngaye, kodwa ibali lakhe lilo eliqoqe indlela yokwamkeleka kwam kumama. Umalume wayenje ngam. Wahambisa wenjenje umama eqala eli bali ndakumbuza ukuba yintoni le ebanga ukuba andithambele.

“Sasingekaziqondi ezi zinto ngalo maxesha. Sathi sakuyiva samnxwala simbonakalisa uhlobo esiyonyanye ngayo le nto ayenzayo.” Wandijonga ngamehlo athethayo. Ndaqonda ke ukuba lo malume ebenje ngam ngenene. “Wazibhuda izingqi ngokusuka abhale ileta, wazibika kulo mfo wayemthanda kuthiwa nguThobile. Kodwa ileta yafikela kwintombi kaThobile yahamba ihlekisa, ibonisa abahlobo bayo zada zafikelela kuThobile ezi ndaba. UThobile wamhlasela kakubi uZamile, embethela esidlangalaleni. Emva koko kwasa uZamile ezixhomile.”

Ndambona ke umama ukuba uyazisola ngeso senzo. Ndaqiniseka xa athi, “Ndafunga mhla ndalahlekelwa ngumntakwethu ukuba ayinakwenzeka into enje kwakhona, ndabazonda abo bamkhokelela ukufeni kwakhe.” Watsho eziquka naye.

Ngoku ndijonge emehlweni kaLizo, imilebe yam ilangazelela ukuhlangabezana neyakhe. Ndazikhumbuza ngelibali amatyeli ngamatyeli, kodwa endandikuva kwakongamele ukucinga kwam. Ndandingaba sisiyatha ukuba ndingamphuza. Ndiyazi nje ayakwenza – uyakundidubula ngenqindi buphele ubuhlobo. Mhlawumbi ndingaphela ndizibulala, kwelo tyeli ndiqiniseke ukuba ndiyaphumelela.

Eyona nto endingayifuniyo ke kukucatshukelwa nguLizo. Ndadifuna andithande.

Uhlobo endandingcangcazela ngalo kwakushukuma nebhedi le. Ndandibuva ukubila kusehla emakhwapheni ngokukhawuleza. Ndacinga, kodwa kwakungekho nto yakuqiqa…

Ndisacinga njalo, ndakuqhwanyaza, ndicinge ukuba ndiyaphupha. Ndive ubushushu emilebeni yam, kodwa ndicinge ukuba yimibono edlala engqondweni yam.

* * *

Sixele ukuba ucinga ntoni: Kutheni uLizo noThobani bengazubaxelela abanye ngothando lwabo.