Siphelo
Ndihleli kuloliwe osuka eKapa edolophini oya eFish Hoek. Ndinemincili kuba ndiyifumene ibhulukhwe ka-Levi, ebikwixabiso elithotyiweyo. Amadoda amabini ahleli ekoneni anikezelana ngebhotile yotywala egqunywe ngephepha. Kukho intombazana ehleli phambi kwabo emamele umculo nge–earphones.

Ixhego nexhegokazi ecaleni kwam bayaxelelana kak’hle uba omnye ucinga ntoni. Umdala ubalisela umakhulu ibali. Umakhulu uphela emxelela ukuba uthetha ubuvuvu, kwaye makasuke athule ukuba akukho nto ingcono yokuthetha.
Amantombazana avela esikolweni ayatswina ngamazwi awo.

Bonke bemane begonana ngasemnyango. Bamane besitsho isiqhazolo sentsini. Enye ixelela omnye, “tshomi, ungalibali ukuza netissue ngomso. Siza kukhala kakhulu. ULonwabo uswelekile.” Ndimamelisile kodwa ndeva ukuba uLonwabo lo usebalini lothando abalithanda kakhulu. Ce ce, itakalane!

Ndinobuthongo obuzayo. IBlackberry yam imane isitsho yimiyalezo yeBBM esuka kuYonela.
EClaremont, intombi entle, enolusu olumnyama ingene kuloliwe. Ithetha kwifowuni yeselula.
“Ewe, uthetha noNqabisa. Andinamdla kwi-insurance, enkosi,” , utshilo. Iphethe ibhegi enkulu esadleni. Indlela ehamba ngayo ngathi ndandiyibone kumngenelo woonobuhle. Hayi lo wamantombazana anqinileyo. Le ithanda ukubonisa amantombazana noko anezinqe ezigcweleyo. Ndiyayithanda leyo.

Damn, amantombazana anxiba iyunifomu anditsho ngaphakathi: ndibala ntoni na, amapolisa, oonesi, amajoni, bonke nje. Ndiyayithanda xa bengathi bayithe nkintsi apha kubo. Umhlobo wam uBulela usoloko endixelela ukuba nguchatha kaloku lowo. Utsho esithi loo nto ithetha ukuba banemali.

Mayoyo ma lv, got 2 go
My battery is dyng

Ndiqhawule loo ncoko bendinayo noYonela ku-BBM. UNqabisa lo uphambi kwam,utshisa bhe. Wenza kakhulu. Ndiyavuya ukuba ndinganxibanga iyunifomu yam yesikolo. Ebezakucinga ukuba ndingumntwana. Hayi kodwa, ukhangeleka emncinci naye. Ndiqinisekile uphume esikolweni wabe sengena eNavy. Andinokubamncinci loo mhlobo kuye, caba ndingade ndibenguBen Ten.

Amehlo ethu ayadibana. Ndimbethe ngolwancumo lwam. Wancuma wajonga kude.
Nqabisa

Inokuba kokwesihlani ngoku amehlo ethu edibana. Ngoku uye wandincumela. Ndiyayithanda indlela anxibe ngayo. Usisikhothane esithile.
Ingathi ndiyamazi yazi. Hayi Nqabisa, uphambene! Usandula kumbona ngoku lomfana, ndizilumkisile. Yho, kodwa yicharmer! Une …, andiyazi. Ikhona kodwa into ngaye endenza ndi … Inokuba yintoni? Andikwazi ukuyicacisa. Olwancumo … indlela andijonga ngayo.

Ndicinge owayesakuba yindoda yam uBandile oseBhayi. Okanye i-ex, manditsho. Usisibhanxa lowo. Ukuba ebesazi! Bendingenangcinga zokumjolela. Ngenxa yokuba engandifumenanga efowunini ngenye imini uthe masiyeke. Andibukholelwa ubudenge obunje. Ebenomsindo ukumfowunela kwam kwifowuni yomnxeba yasendlwini.Undixelele ukuba udiniwe yena kukuthandana nomntu okude.

Ndithe kuye bendicinga sendiyekile. Uthe ewe, ebezama ukundifowunela andixelele ukuba masiyeke.
Owu hayike, nguye olahlekelwayo. Isidenge.

Kutheni ndicinga ngaye ngoku? Inokuba yindlela lo anxibe ngayo.

Indoda yam – owu, ndifuna ukuthi i-ex yam – iyayithanda impahla. Inxiba kakuhle. Ewe, lo uphambi kwam undikhumbuza yena.

Hayi lona kodwa. Umane endijonga.
Siphelo

Kufuneka kubekho into endiyenzayo ngoku.

“Hey, oko ndandinomdla wokungena eNavy. Umntu ungena njani?” ndimjongile ndilindele impendulo. Amaxesha amaninzi ziyaphoxa eziway. Lena ingaba yindlela yam yokungena. Iintsimbi zikaloliwe zikhalile ngelixesha azakumisa eRetreat.

“Uthetha nam? Ndim onxibe iyunifom yaseNavy.” Utsho ephinda ngolwancumo lwakhe. Yeke! Ndangena, ndicinge loo nto ngelixesha ndiphakama ndisiya kuhlala ecaleni kwakhe.

“Hey, igama lam ndinguSiphelo.”

“Nqabisa.”

“Ndiyavuya ukwazi,” ndimxelele ndincumile. “Khawutsho, kudala ulapha eKapa?”

“Hayi, ngunyaka wam wokuqala ndilapha lona. Ndisuka eBhayi.”
Ngelixesha athethayo kumane kusithi vonqo kamnandi apha kuye ebusweni. Ndijonge izinxonxo zakhe.

Kufuneka ndisebenze msinyane – sesizakufika
eFish Hoek apho ndizakwehlika khona. Mandifumane ii-digits zakhe.

“Hey, Nqabi yazi, ndingathanda ukuphinda ndikubone.
Utsho ngoncumo kwakhona.

“Mandikufowunele. Zithini iinombolo zakho?”

“Ukuba kufuneka siphinde sidibane, ndiqinisekile ukuba loo nto izakuzenzekela. Nokuba akuzithathanga iinombolo zam.”
Zindaba ezimbi ke ezi. Ndingavuya ukuba uyadlala. Ndizakuyazi njani ukuba uzakuphinda abekuloliwe osuka eKapa kwakhona?
Ngelixesha itreyini iza kumisa eFish Hoek ndimcengile kwakhona ukuba andiphe iinombolo zakhe.
Ukhuphe ifowuni yakhe, wayicofa-cofa, watsho endinika iveze amanani.

“Intsha. Andikayibambi ngentloko inombolo yam,” undixelele watsho.
Ukuphumela kwam kwisubway ndibethe inqindi emoyeni ngovuyo. Kufuneka ndixelele uBulela.
UNqabisa uyaphangela nokuphangela. Nguchatha ke lo. Mhlambi angandikhathalela. Ngubani owaziyo … apha naphaya.