NgoLwesithathu

Bendisoloko ndithandaza kutsha nje njengokuba umakhulu ebecebisile, bendithandazela ukuba izinto zibe ngcono. NdifuNa ukuba ngulaa mntwana uyimbunguzulu neqhayiya. Umntwana onembeko nesimilo esiqhakrazileyo.

Andifuni ukuba yingxaki njengomninwa wam. Ndifuna ubomi bam kwakhona. Ndifuna ukulala ebhedini kwakhona. Ndifuna ibhatyi yam yesikolo ibuyele kum. Ndixolisile kuMbali noGabisile kwaye nabo sele bendixolele. Phofu uMbali naye uxolisile ngokundenzela iyelenqe lokuba ndikhutshelwe ngaphandle eklasini, ude wathi naye wayekhathazekile kwaye engasafuni nto yakwenza nam, nam phofu andifuni nto indidibanisa namantombazana.  Ukusukela ngoku ndiza kujongana neencwadi zam, isikolo, uDylan kwaye ndizame nokuba ibhatyi yam yesikolo ibuyele kum kwakhona.

Ngexesha le ntlazane esikolweni sahlala phantsi komthi, uDylan kunye nam. Wandixelela ngendlela ilindle lentaka elifana ngayo nentlahla, nangento yokuba engazange afunde phambi kovavanyo lopelo magama kodwa waphumelela nje kuba intaka ethile yatuwela egxalabeni lakhe, yiyo ke le nto sihleli phantsi kwalo mthi, nje ukuba kude kubekho intaka eza kutuwela apha phezu kwam.

UDylan waqwalasela ukutya kwam. “Uphethe ntoni namhlanje?”

“Isonka esinejem nepinabhatha, uyasifuna?”

“Ewe”

“Wena uphethe ntoni namhlanje?”

Sasiphethe ukutya okufanayo, kodwa kwaku balulekile ukuba sabelane. Benza njalo kakade abahlobo, bayabelana, kwaye oko kuqinisa ubuhlobo.

“Kulungile, ungandipha intwana.” Ndaphendula.

Sahlala sithe cwaka sinandipha izonka zethu. Olo cwangco phofu lwaphazanyiswa yingonyana eyatsho kamnandi.

“Guri! Guri! Guri!”

Intsuka phi yokutya yayisele ixeliwe kuzo zonke izinambuzane  nazo ke iimbovane zeza zigxalathelana. Enye emva kwenye. Ngumlo. NguMorena Nkhato kunye noSimphiwe, kwaye ukuvundlisa abanye abafundi ukuba bazi ngalo nto, saye sakhwaza…

“Guri! Guri! Guri!”

Ungababona ke besiza bonke befana neembovane ezathi ndakuwisa ilekese yam esekhunini ekhaya zeza zingxamile.

Andisenayo ibhatyi yam yesikolo, ndikhutshiwe emsebenzini kodwa ngoku kumele ndiyekunqanda umlo. Ndim njengokuba ndindim. Ndafika apho ngokukhawuleza ndangena phakathi kwaba bafundi baxabeneyo.  UMorena uneenkani ndamxelela ukuba makayeke le nto okanye uzakuba senkathazweni. Baqhabalakana baza bemka nababukeli. Kanye ngolwahlobo iimbovane zemka ngalo emveni kokuba ndisikhabe saya kuwa eso switisi sisekhunini.

Liphelile ixesha lentlazane ngoku sibuyela ngaphakathi kumagumbi okufundela. Sabethana izandla ke ngoko hlobo lwethu olukhethekileyo phambi kokuba sahlukane. Kuqala linqindi, linqindi kwakhona, sisandla esiphezulu, sisandla esisezantsi, ujuxuze kancinci. “Ndakube ndikubone ethubeni…” Atsho uDylan ndiphinde ke mna ndibuyele ekuhlaleni ngaphandle kwegumbi lokufundela, kanye apha ngasemnyango. Ndiyishiye ekhaya idayari yam. Umama uyisayinile kodwa ucinga ukuba umama uVijoen uza kundikholelwa?

U-Angelen nentshontsho lenja yakhe uKruger babangabokuqala ukuya kuchaza nokubonisa. Ndibukele yonke into ndingaphandle. Ikati kaMbali izame ukubaleka, ngoko umama uViljoen umxelele ukuba aye kuvala ucango.

“Uxolo mntwana’m,” Atsho.

“Ungabukela phaya efestileni.”

Andizihluphi nokuzihlupha. Ndahlala phantsi ndafaka intloko yam phakathi kwamathanga. Ndacinga ngomninawa wam nanga lanto ebeyithetha kum kusasa.

“Ndibawela ulale phantsi kude kuphele unyaka wonke! Ndilala kamnandi ngaphandle kwakho ube undikhaba utsala neengubo.”

Lo sathanana akalazanga eliwinayo.

Lavuleka ucango, tyhini nguDylan, umana ejonga phezulu. Uthi uyarekhoda yonke into kwitabhlethi yakhe ukuze andibonise kamva. Ndiyayivuyela loo nto. Luhlobo abenza ngalo kakade abahlobo benene omnye komnye, hayi  njengezinto esidla ngokuzibona kwimifanekiso bhanya bhanya,  apho omnye axelela omnye ukuba aqhubeke ngaphandle kwakhe.

“Baleka, baleka, zisindise, ndishiye apha mna.”

Aze omnye athi hayi…

“Sikulento sobabini…”

Yilo nto kanye le uDylan wayeyenza kum. Asivumelekanga ukusebenzisa itabhlethi zonke nakweyiphina into ngaphandle kokujonga incwadi zethu ze-intanethi ( e-books).  Uzibeka emngciphekweni nje ngenxa yam, ingaxuthwa nje ngemizuzwana.

Aphinde ajonge phezulu.

“Ubukhe wayibona intaka encinci eluhlaza ethethayo ibhabha iphuma ngefestile?” wabuza uDylan.

“Hayi khona.”

“Iye yabhabha nje esagqiba ukuyikhupha umama uViljoen kule kheji yayo”

Ndambukela ebaleka, ubaleka ngendlela apha engaqhelekanga.

UDylan ushiye ucango luvulekile. Emva kwakhe ndibone inja, uBritney, yabe sele ibaleka emva kwakhe. Ndiyayazi ngu Britney. Emva ko Britney kulandele intshontsho lenja, kwaye libonakala ngathi lileqa uBritney, ulwimi luyajinga ngaphandle, liphefumla ngamandla. Mhlawumbi iimvakalelo zalenja zikwiqondo eliphezulu.

Emva kwentshontsho le nja kulandele u-Angela eyileqa, eyikhwaza ngegama.

“Kruger! Kruger! Buya! Yiza apha!”

Emva ko Angelen kulandela umama uViljoen. Ukhwaza amagama amathathu.

“Harry! Angelen! Harry! Dylan! Buyani nize apha!”

UHarry yila ntaka iluhlaza ithethayo. Sisikhwenene. Elokishini abantu babezakucinga ukuba bubugqwirha nje bonke obu bokuba nentaka ethethayo.

Kwakhawuleza kwaphela ukuleqa kuba ezingalweni zakhe u-Angelen kuhleli uKruger. UBritney uhamba ecaleni likaDylan, mkhulu kakhulu ukuba angafunqulwa. Akabonakali ndawo uHarry, kodwa umama uViljoen uthi uza kubuya. Akabonakali ekhathazeke kakhulu. Uthi izikhwenene aziyi kude kwaye zasoloko zibuyela kubaninizo.

Kwadlula ixeshana noko. Ndeva ilizwi elingaqhelekanga kodwa andiboni mntu. Ndajonga macalana onke kodwa andabona nto.

“UHarry ufuna ibhiskithi! UHarry ufuna ibhiskithi!”

NguHarry! Esaa sikhwenene sikamama uViljoen.

Aphinde, “uHarry ufuna ibhiskithi, uHarry ufuna ibhiskithi.” Aze aze kuthi ngcu egxalabeni kum.

Ndankqonkqoza…

“Ndingakunceda ngantoni Mnumzana?’

Ndambonisa into esegxalabeni.

“UHarry ufuna ibhiskithi! UHarry ufuna ibhiskithi!”