NgoLwesine

“Mine’mnandi kuwe! Mine’mnandi kuwe! Mine’mnandi kuwe! Mine’mnandi kuwe!”

Ndivuswe ngala mazwi mathathu ecula. Ibiyiveki enzima kakhulu ndade ndalibala tu ngomhla wokuzalwa kwam. Ndiqhele ukonwaba kwintsuku eziphambi komhla wokuzalwa kwam, kodwa kweli xesha ndiye ndalibala.

Ndiyacinga eli lelinye lamathuba ambalwa endiye ndafumana ithuba lokuba ndikhe ndincume kule veki nje iyonke. Ndaphuzwa ke ndiwolwa ngumakhulu nomama, ndafumana nombuliso wenqindi kumninawa wam. Asifane siwolane okanye siphuzane.

Umabonakude uyadlala kwaye u-SABC naye unqwenelela uJacob Zuma usuku olumnandi lokuzalwa. Owu, kucacile ukuba uGabisile wayenyanisile ukuba ndidibene naye ngemini yokuzalwa. Andazi nokuba ndivuye na okanye ndibe nentloni yiloo nto.

Ngethemba lokuba namhlanje iyakuba yimini entle. Imihla yam yokuzalwa ibifana phantse yonke le minyaka. Yasoloko iphakathi evekini, andisakhumbuli ukuba kwakunini mhla ndaba nemini yokuzalwa engempela veki. Isidenge se khalenda. Andiphathi sikhaftini sakutya ngemini yam yokuzalwa xa ndisiya esikolweni, leli xesha lodwa apho umama angazi kube exhalabile ukuba mna ndiza kulahla isitya sakhe sika Tupperware.

Ndiye ndifumane imali eninzi, eyaneleyo ukuba ndifumane i-payi eyenziwe ngesonka samasi nenyama, inkonkxa yesiselo iStoney, amashwam shwam am kunye noDylan, itshipusi zeetapile ezikram kram ezinencasa yesonka samasi, nemalana eseleyo ukuze ndidlale kwirafula elandelayo.

Andazi ukuba le mini yanamhlanje iza kuhamba njani. Andazi nokuba le tyuwa ayizikundimoshela usuku lwam lokuzalwa na. Umama uthe kumele ndivuke ndithandaze ndibulele uThixo ngale mini phambi kokuba ndihlike ebhedini.

Umininawa wam ukhangeleka edakumbile yena. Caba ukhe wabethwa ngokuya bendisalele mna. Uchamele ibhedi waza wazama ukuyifihla yonke loo nto. Waphosa ipijama zakhe ezimanzi kwindawo yempahla ezimdaka, wangena kwezinye ipijama zakhe. Ubhaqwe kanye xa ezama ukususa amashiti! Bendiyazi! Kuthe kanti lonke elixesha bendimsulwa. Wandisebenzisa njengexhoba. Xa ebechamele ibhedi kwimpela veki ephelileyo, wabona ukuba umchamo wakhe ufikelele nalapha kum, ngoko wavuka msinya, mna ndandisalele, waphosa iipijama zakhe ezimanzi kwindawo yokuhlala iimpahla ezimdaka, wakhawuleza wangena kwezicocekileyo. Kodwa ngoku yayicace gca! Wayengenalo nesebe lenkawu lokuzimela! Umama waxolisa kum watsho esithi ndiza kubuyela ebhedini kwakhona namhlanje. Umninawa wam yena alale phantsi. Hahaha! Isibhanxana esigezayo.

Ndandiyiqale imini yam ngentsasa entle kakhulu.

Ndagqiba ukuhlamba ndaza ndangena kwiyunifomu yam. Ndafaka idayari yam yesikolo kwibhegi yeencwadi zam.

“Eww!” Ndamva esitsho umninawa wam.

“Eww!”

“Yintoni ngoku?” Ndambuza.

Ilindle le ntaka! Ilindle le ntaka” Watsho.

Ndajonga egxalabeni lam, nantso ithe ngcu. Kanye apho uHarry wayehleli khona izolo. Yayisele yomile ngoku. Ndazama ukuyisusa kodwa umakhulu wathi hayi, “Musa! Izisa ithamsanqa!”

Izinto zokuqala ekuqaleni xa ndifika esikolweni. Ndathatha idayari yam ndayibonisa umama uViljoen.

“Yintoni ke ebinzima apho? Siyakwamkela kwakhona!” Watsho umama uViljoen.

“Phezu kwesitulo.”

Ndema phezu kwesitulo waza wonke umntu eklasini wandiculela. Yenza iintloni le nto kodwa kwangaxesha linye ikwenza uzive ubalulekile. Ndafumana ukuwolwa nokuphuzwa nguMbali.

“Heeeyi ndikujongile!” Wandilumkisa umama uViljoen. “Uyakubuyela phandle kwakhona.”

Sakube sixelelwe izinto esiza kuzenza , umama uViljoen wabiza mna kwakunye naye uMorena lowo ukuba siye edesikeni yakhe.

“Morena Nkhato, Morena Maoka, ncedani nize neencwadi zenu apha edesikeni yam kwakunye needayari zenu zomsebenzi wasekhaya.”

Abafundi bonke bandumzela besebeza, bemangalisiwe ukuba ingaba sibizelwa ntoni ngaphambili.

Kukho imvulophu emdaka phezu kwedesika. Nebhatyi yam yesikolo iyajinga esitulweni sika mama uViljoen. Ndabanexhala. Umama uVijoen wajonga ku Morena Nkhato, enobuso obusangeneyo, wathatha la mvulophu wayifaka kwidayari yakhe. Inegama lakhe kwakunye nefani yakhe.

Wavula eyam idayari kwindawo yomhla weshumi elinesibini ku April.

Mzali Othandekayo

Ngomhla wesibhozo unyana wakho wafumana incwadi yesilumkiso. Nceda qaphela ukuba kwenzeka impazamiseko. Le ncwadana yayingabhalelwanga yena, kodwa omnye umfundi onegama elifana nqwa nelo nyana wakho, uMorena Nkhato. Siyaxolisa ngale mpazamo yeliphutha.  Unyana wakho ususiwe onke amatyala, kwaye incwadana yesilumkiso ithunyelwe kumenzi wobubi. Ngaphezu koko, kwezi nyanga ziseleyo zonyaka, ukubaleka izehlo ezikumila kunje, sizakube sisebenzisa igama lesibini lonyana wakho xa sibhala izinto ezibalulekileyo. Kwakhona siyaxolisa kakhulu. ULincoln yinkwenkwe elungileyo.

Owakho wenene

Mama Viljoen

Watsala incwadi enkulu enamagama waza wahlaba igama lokuqala apho wafaka eli lesibini.

“Siyaxolisa kakhulu.” Watsho.

“Notitshala omkhulu uthe makhe ndiqwalasele isimilo sakho iintsuku ezimbalwa phambi kokuba ndiyibuyisele kuwe ibhatyi yakho yesikolo.

Siba nendibano qho phambi kokuba kuphele usuku. Senzela ukuze siphonononge umsebenzi weveki, ukuchaza izinto ezibe yimpumelelo nokunikezela amabhaso athile ukuba akhona. Kodwa namhlanje nomntu ophumelele irafula waye ezakwaziswa.

Kuqala sicula umhobe wesikolo, size silandelise ngowesizwe.

Seyilixesha ke ngoku.

UDylan ubonakele enxunguphele, woyama kum aze andisebezele endlebeni.

“Hayi suka! Siyayazi ukuba ngubani lo uza kuphumelela.”

“Ngubani?” ndabuza.

“Ngu Morena Nkhato! Uthenge amatikiti nge 70 randi yonke. Ngala mali ayibe kum.”

UPrinsipal wacimela, waza wafaka isandla sakhe kwibhokisi enamatikiti erafula….wabamba inombolo, wayivula waza wancuma, esenza ngabom phofu ukuze asigcine sinxubile.

“Sicela amagubu bethuna!”

Abafundi bangqisha ngeenyawo zabo kangangoko banakho.

“Ophumeleleyo irafula yesi sihlandlo ngu nombolo…ngunombolo 7! Nombolo 7.” Watsho ekugqibeleni echaza ophumeleleyo.

“Yinombolo yam! Yinombolo yam!” UMorena Nkhato wakhwaza ngelizwi lakhe, exhuma xhuma luvuyo.

“Number 7! Morena Maoka!”

“Yinombolo yam.” Watsho ekhwaza.

“Nombolo 7!” Waphinda uprinsipal.

“Yiza eqongeni Morena Maoka!”

Umama uViljoen waluma inzipho zakhe. Ndiyacinga into yokuba uphinde wabhidanisa iifani zethu kwakhona.

Sihleli epavumenteni silindele ukuchongwa, siyahlafuna ngathi sizinkomo!

Imilebe neminwe kaDylan imdaka ngombala kwaye incangathi, wonwabile. Ngokuqinisekileyo mna ndandingamveli usizi tu uMorena Nkhato. Ndajonga egxalabeni ndafika ituwa yentaka isekhona. Ndicinga ukuba yasebenza. Izinto ngathi ziza kakuhle ngoku…okanye yinto ebiza kwenzeka kakade? Intaka ituwela kum aze aguquke onke amashwa am abe ngamathamsanqa? Andiyazi, kodwa  ndazi ntonye ukuba ukusukela ngoku ndiza kumphula phula umakhulu.

Imoto yohlobo lweMesedisi emhlophe leza kumisa apha phambi kwethu. Ngumqhubi wam. Wandixelela ukuba mandikhwele.

“La minibus yam iyandigezela, ayivumi ukusuka.” Wandixelela.

Azange khe ndikhwele kwimoto yohlobo lweMesedisi ngaphambili. Oko ndincume oko. Esi yayisesona sipho somhla wokuzalwa esibalulekileyo. Ayihambi kamnandi ngako, ungacinga ukuba ayinayo injini…

Waya kundothula ekhaya. Ndaziva njengoMphathi wabafundi wenene ohamba ngeMerc.

Ndafumana kanye ezi zincomo bendizilindele.

“Yoooooh! Uzakugula lo. Iiswitisi ezingaka! “ Wothuka umakhulu ekhwaza.

“Ndiphumelele irafula! Ndiphumelele irafula!”

“Kuhle oko. Lonwabele usuku lwakho lokuzalwa!”

Weza naye umntakwethu, ezayamanisa nam ukuze naye afumane kuloo nqwaba yeswitisi.

“Uxolo bhuti wam, andisobe ndiphinde ndixoke ngawe. Uza kundipha nam iswitisi?’

Umama wam wayengathi ukwelinye ilizwe yena, engathi akaziboni nezoo lekese. Ubanjalo kakade xa epheka. Uyazimisela. Endaweni yoko…

“Heke! Ndiyavuya ubuyile ekhaya. Ina…” watsho endinika iphepha elibhaliweyo.

“Baleka undiyele evenkileni.”

Evenkileni ndagqithisa iphepha kwinenekazi. Azange ndizihluphe nangokulifunda. Ndandingxamile. Andizange khe ndiphose ukubukela uNaruto kwaye ngaphezu koko, iswitisi zam zazindilindile ekhaya,

Wathatha i-aromati, isincasanisi esenziwe ngenyama, isosi yetumata kwakunye netyuwa.

“Hayi, hayi yiyeke ityuwa.”

“Kodwa ibhaliwe kweli phepha…”

“Mhlawumbi ibe yimpazamo, sinayo ngokwaneleyo.”

Ndabaleka ndabuyela ekhaya ndaza ndanika umama iplasitikhi.

Wayithatha wakhupha zonke izinto ngaphandle,… “ityuwa yona?”

“Owu. Ela nenekazi lase venkileni lithe ze ndikuxelele ukuba basaphelelwe yityuwa.

Wandijonga umakhulu, wanyusa amashiyi. Ndiyazi ukuba uyazi ukuba ndiyaphosisa, kodwa akathetha nto. Uyiqonda kakuhle imeko.

ISIPHELO