NgoLwesibini

“Khawuleza, khawuleza…iphi ibhatyi yakho yesikolo! Mandiqashisele, uyisheye ngapkathi eklasini. Owu kodwa Morena”.

Ndafika umama endilindele esangweni ephethe isambrela.

Kusemva kwemini eneliqhwa, imvula iyagalela kwaye indudumo zitsho ngamandla, imibane ilanyaza ekhohlo nasekunene ngoku ngathi uThixo uliqumbele ihlabathi. Umakhulu nomama basuke baphazamiseke mpela xa izulu linje. Kumele sicime zonke izinto zombane, umabonakude, unomathotholo, iifowuni ezineefoto. Asivumelekanga nokusondela nakweyiphina indawo enamanzi, nditsho nokuba sele sinxaniwe. Izipili ziyagqunywa ngeetawuli.

Eli ke icala lobomi bam alinanto yakwenza nenkolelo. Zezenzulwazi kuphela, kwaye umakhulu uyayivumela ke le imithetho yezenzululwazi. Yile mithetho esiyifundiswayo ngqo esikolweni le. Ndiyazikhumbula ezinye izifundo. Ezi zithi xa kubaneka musa ukuhamba phantsi komthi, okanye kwindawo enebala elikhulu. Sukuwachukumisa amanzi, kuba amanzi angumnxulumanisi. Okanye into esabunjalo. Ngoko ndiyaqonda kutheni umakhulu ewuhlonipha kangaka umbane, ngaphandle ke kokuba esuke ayibaxe ke yena.

Esikolweni andivunyelwanga ukuba ndingene eklasini kuba idayari yam yayingasayinwanga. Uprinsipal wayesenza imijikelo yakhe waza wandibhaqa ndihleli phandle. Wathatha ibhatyi yam wathi ayindifanelanga. Umama uViljoen akazange alibazise ukundibiza njengenkwenkwe eqaqadekileyo xa ndinikezela ngala ncwadi isayiniweyo, kodwa sele kunjalo andizimiselanga kuthetha ngasikolo mna namhlanje.

Ndabuza kumakhulu ukuba ndingamvula na umabonakude kuba ndibawela ukubukela uNaruto. Wandithuka akugqiba wathi mandihlale ndizole.

“Akuziboni iindudumo ezi zinamandla angaka?

Kodwa ndandikruqukile ndingayazi neyona nto ndinokuyenza. Andiyifumani ifowuni yam apha ebudeni beveki, kuphela ngoLweezihlanu. Umntakwethu omncinci, umama nomakhulu basegumbini likamakhulu, mhlawumbi baphula phule ngomdla amanye amabali kamakhulu exesha lezo bandlululo, bamamele ukuba amaZulu ayefuna ukuthatha indawo ngokwawo njani, nokuthi wamhlaba njani omnye wabo ngemela yakhe i-okapi eyayihlala ebhodini yakhe waza akugqiba walenca igazi elalisele kuloo mela! Iyhuu!

Andinawo nomdla wokuthetha okanye ndiphendule imibuzo ngebhatyi yam yesikolo. Ndakhupha incwadi yam yesiNgesi ekwakumele siyifunde kulo nyaka, esihloko sithi Love David. Hayi kodwa loDavid waye esisibhanxa, umfana nje osoloko engena ezingxakini. Ndiqinisekile umakhulu wayeya kumqeqesha kakuhle. Wayeza kuthi tse ukuba waye ekhuliswe ngumakhulu.

Kwabakho isandi esirhwexayo ekhitshini, emva koko kwatsho isithongakazi. Mhlawumbi yikhabhathi ivele nje yavuleka. Zindala ngamanye amaxesha iingcango ziyazivulekela ngokwazo. La maphetshana siwaqhusheka phakathi elucangweni ukuwaqinisa ngamanye amaxesha awancedi nto.

“Heyiiii! Morena! Ndiyathemba awudlali ngamanzi apho. Uyakubethwa ngumbane wena!” Wakhwaza umakhulu wabe sele efikela esigqibeni ephaya egumbini lakhe lokulala. Wathumela umntakwethu omncinci ukuba aze kundikroba weza naye lo sathanana ebaleka wahamba waya kuxelela umakhulu ukuba mna bendizama ukusela amanzi. Ndohlwaywa ngokuba ndiyekuhlala egumbini lam lokulala.

“Kuqhubeka ntoni ngawe Momo?” wabuza umama.

“Usoloko ungena ezingxakini mva nje. Awulandeli miyalelo, abantu ubenzela ulunya, ubuya kubhaliwe kwidayari yakho, uza neeleta zezilumkiso ekhaya. Ingaba sowufikelele kwelinye inqanaba? Okanye ngamantombazana??’

Intliziyo yam yabetha ngamandla. Ndingayithini into yokuba kuthi kanti uye wajonga jonga efowunini yam. Hayi phofu, ndizicimile iincoko zam noMbali kwakunye no Gabisile. Uyakuzicofela nje.

Ndajonga phezulu ndaza ndamxelela eyona ndandicinga ukuba ngunobangela. “Kungenxa yala tyuwa mama. Yila tyuwa mama. Okoko ndathi ndachitha ityuwa ubomi bam batshintsha, ndachamela ibhedi, ndakhutshelwa ngaphandle eklasini…waza noGabisile…ndade ndayibona naku Google. Kuthiwa ukuchitha ityuwa lilishwa. Ebenyanisile umakhulu.”

“Ngubani uGabisile?” Wabuza umama. Kumele ukuba ndaphulukwa.

Ndawudungudelisa umbuzo ndaphinda le bendiyithetha, “Yila tyuwa!”

Wayihleka kakhulu waza wathi! Hayi nawe kwakhona!’

Wajonga kumakhulu phambi kokuba aqhubeke. “Uyabona mama, wenze ukuba zonke ezinkolelo zakho ziphambeneyo zizalise intloko yonyana wam. Ngoku uyakusoloko egxeka ityuwa ngenxa yesimilo sakhe esigwenxa!”

Umama wakroba ngefesitile. “ndiyacinga ukuba imvula isaqabukile ngoku. Kumele ndiqalise ukupheka phambi kokuba kumke umbane.”

Wabaleka waphuma umninawa wam. Ndiyazi kakuhle ukuba uleqa irimothi. Ndithe xa ndiza kuphuma nam, wandikhwaza umakhulu.

“Yiza,” Abethe ebhedini endibonisa apho mandihlale khona. Ndahlala ecaleni kuka makhulu.

“Gugu”watsho

“UGugu waphi?” Ndabuza.

“Ewe uGugu, unyanisile.”

“Ngubani uGugu kwaye yintoni le anyanise ngayo?”

“Lo uthi xa uchithe ityuwa loo nto iza kukuzisela amashwa.”

Andayihleka ngako ade amehlo am alila gxi iinyembezi. “Hayi makhulu. nguGoogle. Ndiyijonge ku Google, ndiyikhangele kwi-intanethi.

Wafinga iintshiyi esaxakiwe. “Kulungile nanjalo, loo intanethi ke ichane ucwethe ngotolo. Ndakhe nam ndachitha ityuwa. Ndandingakholelwa ke njengomama wakho, kodwa ugogo wakho wandilumkisa. Ndalahlekelwa ngamantshontsho am enja, omathathu kwaphinda emva kweveki kwasweleka utata.”

“Konke oku kwenzeka nje emveni kokuba uchithe ityuwa?”

“Ewe. Ndiyayazi into oyicingayo. Yayiza kwenzeka kakade. Mhlawumbi kunganjalo kodwa asizokuze sazi kakuhle. Ngamanye amaxesha kufuneka nje umamele. Yonke into enokuhamba kakubi ingahamba kakubi. Xa umntu omdala esithi “Musa ukwenza into ethile, sukuyenza. Siyevana?”

“Kulungile makhulu, kodwa ngoku ndingayiphelisa njani le nto yalamashwa angaka?

“Yithandazele. Mna ndathandaza ndancedakala. Ndanqamlezisa iminwe yam ndathandaza.”