Kusasa bendiqakadula ndinamandla. Inokuba yila suphu kaLilly le yenze lo mlingo. Mhlawumbi kumele ndimthengele iintyatyambo ukumbulela. Okanye mhlawumbi kungcono ndicele ukumkhupha siye kutya kwindawo engaphandle.

Kodwa andimboni uLilly kula khefi kusasa kwaye nomoya wam ngoku uvele wadakumba. Ndabambelela kwelithemba lokuba ndiza kumbona ngoLwesihlanu. Loo nto yandenza ndaziva ngcono.

Emva koko yakhala ifowuni yam. Yinombolo endingayaziyo

“Hello.” Ndaphendula.

“Hey, Tumie. Ndim uZandile.”

Kuthathe umzuzu ukukhumbula ukuba ngubani kanene uZandile.

“Heyi”  ndatsho.

“Mamela, ingaba uDave ukunye nawe apho? Andimfumani kwaye akaphenduli imiyalezo yam kuWhatsApp wakhe.”

“Hayi, hayi akakho. Andikhange ndimbone namhlanje,”

“Ndiyakucela, Tumie. Ndicela ukuthetha naye. Siye saba nomlo kwaye ngoku ndiyacinga ukuba uyandibaleka.”

“Uxolo, Zandile. Andizokukwazi ukukunceda.”

Kutheni ungazami umhlobo wakho uJoyce. Ndazicingela ngaphakathi.

“Ukuba uthe wambona, ndicela umxelele ukuba andimqumbelanga. Ntonje ndifuna ukuthetha naye.” Wawubeka phantsi umnxeba.

Ndiyayazi ukuba le nto ithetha ukuthini. UDave sele ahlukene naye kwangoku. Uyayenza le nto lonke ixesha kwaye usoloko ephumelela kungabikho nto imehlelayo. Uvele aqhwaye nje uchuku nentombazana emva koko angayihoyi, athi udinga ithuba lokuba yedwa ukuze acinge ngezinto kakuhle.

Into endiyicaphukela kakhulu yile yokuba ebanika inombolo yam. Ndimcelile ukuba ayiyeke le nto, kodwa la mantombazana akhe aziva ekhuselekile xa efumana inombolo yomhlobo wakhe osenyongweni. Baye bamthembe ngakumbi. UDave otshisayo. Angasebenzisa nabani na nje ukuba uzakufumana le nto ayifunayo. Kwowu ndiyayicaphukela loo nto ngala mfana.

Ndiye ndambona uDave ngexesha lesidlo sasemini ndaza ndamxelela ngomnxeba endithe ndawufumana ekuseni.

“Aah suka la mntwana makazicenge azixolise, kuphelile. Iphelile loo nto yethu,” watsho.

“Hayi ke akacingi ngolohlobo kaloku yena,”

“Hayi ke andikhathali. Andinakuzihlupha ngamantombazanyana angayaziyo into ayifunayo. Kuphela kwento ancokolayo ngayo sisiqu sakhe, iinwele zakhe kunye neempahla zakhe kanti uncokola nangabahlobo bakhe ahamba nabo isikolo. Akanambono wanto. Akanamtsalane futhi.”

Lonto ithetha ukuba nina nobabini nifanelene, ndacinga.

“Unobuhle obuncomekayo nje, kwaye uyathandeka,” Ndamkhumbuza.

“Kuphela kwento anayo. Mna ndifuna ngaphezu kobuhle, Tumie. Ndidinga umfazi ocinga ngobomi kwaye ofuna izinto ezithile ebomini. Umntu onamaphupha nemibono. Umntu okhulileyo. Umntu ofana noLilly.

“Intoni? Yima…uLilly?”

“Ewe uLillian, ibhosi yam. Uyinto yonke. Kwaye ndidinga umntu onento yokundinika njengokuba nam ndiza kuba njalo kuye.

Ndahlunguzela intloko, kodwa amazwi awaphumi emlonyeni wam. Ndifuna ukukhala kakhulu kwaye ndimfake inqindi uDave.

“Kodwa…Kodwa…” Ndicinga ukuba ubuthe ungumntu nje, ndafuna ukukhwaza nditsho. Ubuthe akalodidi lwakho, ndafuna ukumkhumbuza. Kodwa ndahlala nje ndalibala kukuthintitha.

“Bendikhe ndachitha ixesha elininzi naye kwaye unika umdla. Ungumfazi, Tumie, hayi intombazana nje.”

Andazi ukuba mandithethe ndithini. Izandla zam ziyangcangcazela ngumsindo.

“Ndiyazi ukuba ubukhe wamncwasa. Ndabona indlela owaba yiyo ngala mini. Kodwa ke andiqondi ukuba ucinga ukuba ubunokulunga kuye, andithi? Hayi bo mfe’thu, ukude le kuwe lowa.”

Waphakama wathatha ikofu yakhe wemka nayo.

“Jonga, ungalahli ubuhlobo nje ngenxa yentombi. Silusapho. Uzakudibana naye umntu olungele wena,” watsho, wabe endibhanxa ngokundibetha emqolo. Akugqiba wahamba wemka.

 ***

Umbuzo: Ingaba wawukhe wanomhlobo owakubela umntu obumncwasile? Ukuba uthi ewe, wenza ntoni ngaloo nto?