Nokuzola
Bendibonwa njengeyona ntombi entle apha esikolweni. Ayonto yakudala leyo. Kodwa, izinto zitshintshe ngesiquphe. Ngenye intsasa ndavuka ubuso bam bubhonte ngamaqhakuva. Amaqhakuva angafuni kuphela.

Abahlobo bam ngoku bayeka ukundivumela ukuba ndisebenzise izinto zabo zokuthambisa. Bayeka nokundanga nanjengoko babekholise ukwenza. Izolo, uZukiswa uthe xa ejika ngokukhawuleza ezakuthetha nomhlobo wakhe, ubuso bakhe bathintana nobam sobabini singacingelanga. Undityhalile. Ndikruneke iqatha ndizama ukuba ndingayokubetheka ezantsi kumanqwanqwa. Ndimbuzile ndinyembezana,

“Ingaba uyenzela ntoni lento?”

“Ungabuphinde undibambe!” utsholophezulu.

Xa intsimbi ibetha ekupheleni kwemini yesikolo, ndibalekela kwindawo yam yokuzimela. Iingxoxo emva kwesikolo ngamakhwenkwe nezinye izinto ezihlekisayo zisaqhubeka, ntonje ziqhubeka ngaphandle kwam ngoku. Andisafunwa. Kwindawo yam yokuzimela ndithi rhuthu amafutha epokothweni yam ndithambise ebusweni. Batshilo ekliniki ukuba la mafutha azakundinceda. Ndiwathambisa mihla le, ndawoninye. Ingathi lisiko elithile lamafutha mihla le. Kodwa awasebenzi. Ubuso bam busenamaqhakuva.

Abahlobo bam, ezona tshomi zam zijike zabaziintshaba. Xa behamba phambi kwam phakathi kwamagumbi esikolo bayandikhomba behleka. Ndiyakucaphukela ukuhamba phambi kwabo. Bandikhaba ezithendeni banditshize nangamanzi, okanye isiselo entanyeni. Ndimbuzile uBusisiwe ngenye imini. Uthe kum, “sizama ukususa ezizinto zilapha kuwe ebusweni.”
Luthando

Ndikhangela uNokuzola apho siqhele ukudibana khona endaweni ethuleyo emva kwamagumbi okufundela. Kodwa, kukho amanye amantombazana ahleli apha.Ingaba ukunye nawo? Ngokuye ndisondela ndizikhumbuzile ukuba akasokuze abelapha. Akasahlali namantombazana amaninzi kule mihla. Ekujikeni kwam iingcinga zifike ngokufika kum engqondweni. Ingaba ndisafuna ukubanaye njengentomabazana endithandana nayo?

Ingaba nguye endisafuna ukubanaye? Nam nditsala nzima ngoku ngenxa yobubuso bakhe. Abahlobo bam endidlala nabo ibhola yeqakamba bahlekisa ngam, bageza ngobubuso bakhe. Ndimkhangela isikolo sonke kodwa andimfumani. Akatshongo kum ukuba uzakuphuma phambi kwexesha namhlanje.
Mandimbhalele isibhilivana.

“Nokuzola ubuphi ngebreak yesibini? Ndikukhangele indawo yonke. Uyayazi ukuba ndisafuna ukubanawe, neh?
Uthando oluninzi oluphuphumayo, Luba – umntuwakho.”

Ukugqiba kwam ukuyisonga ndijongile ukuba akukho mntu ondibonayo na phambi kokuba ndiyifake kwilocker yakhe. Kodwa andisaqinisekanga ukuba ndisafuna ukuba ngumntu wakhe.