Nokuzola

Ndiva intsimbi yesikolo ibetha. Ingaba ndiyafuna na ukubuyela kwelagumbi lokufundela lesiNgesi? Ukuhlala emvakwemoto eluhlobo leFord endala kamnumzana Maqubela apho amise khona kungcono. Kodwa ukuba ndilinda kubengathi kuthi nkcwe ngaphandle kwamagumbi okufundela andizukufika ngexesha kwelesiNgesi. Andifuni ukujongwa ngabafundi ndingena mva kwigumbi lokufundela. Ukugqibela kwam ukwenza oko kwakukubi kakhulu. Kodwa ukuba ndizama ukubaleka ndiyokufika egumbini lokufundela kuqala ndingonzakala. Ngubani owaziyo ukuba lamantombazana anentlonti azakundenza ntoni kwesi isihlandlo?

Ndenjenjeya ke ukuya kunobhala wesikolo, usecretary.Isakhonwana sam sokubangumlinganisi singandidanisi.

“Andiziva mnandi. Ndicela ubethele utata ucingo umcele ukuba azokundilanda,” nditshilo kusecretary, uMiss Sixubane. Ndatsho ndigoba phezukwetafile yakhe ndibambe isisu.

“Ingaba yintoni oyivayo darling? Singakunika iPanado? Uqinisekile ukuba awufuni ukukhe ulale kwigumbi lezigulane okomzuzu?” Ubuzile ekhulula iindondo zakhe endijonga ntsho emehlweni.

“Hayi, ndicela ukugoduka,” nditshilo kuye ngokungxamisekileyo. Ubuze iinombolo zomnxeba katata. Ndikhumbula umama nangamaxesha awayendibalisela ngobumnandi basesikolweni. Kwakunjalo. Kodwa ngoku iiyure ezisibhozo rhoqo ngemini lixesha endiziva ndisesihogweni ngalo nababantu abandintlontayo. Ndilichitha elixesha ndikrazuka ngaphakathi. Ingaba ndinawo amandla okubuyela emagumbini okufundela?

Utata ufikile esikolweni. Usincumela ngoncumo olukhulu mna nosecretary. Iyandimangaza eyokuba akwazi ukuncuma nokuba uyaqonda ukuba izinto azihambi kakuhle.

“Nokuzola mntan’am, awunguwe kwezintsuku. Ingaba ikhona ingxabano phakathi kwakho nabahlobo bakho?” Utata za xa siphuma ngemoto.

“Tata, abahlobo bam bandichukele kabuhlungu. Ndingenza nantoni na ukuba lamaqhakuva aphele ebusweni bam,” nditsho kuye. Amehlo agcwele iinyembezi. Ndijonge ngaphandle kwefestile yemoto. Sigqithe kwiindawo ezinezityalo ezizikhulelayo. Ziphuma zibentle zibeneentyatambo nangona kungekho mntu uzihoyileyo. Indalo inendlela yokuzinyanga, bendingathanda ukuba bendinjalo nam.
Utata uyandijonga xa ecima imoto endlwini.

“Ndicinga ukuba kuza kufuneka siye egqirheni.” Kuye kwathuleka kwathi ncwe emva kokuba etsho oku. Andikholwa ukuba ndiyavumelana nengcinga yakhe. Bendisoloko ndicinga ukuba amagqirha ngabantu abamdaka abangahlambiyo. Abantu bathetha izinto ezothusayo ngawo. Bathetha ngezinto ezoyikisayo azisebenzisayo ukunyanga abantu.