“Ndiyayicaphukela into abandijika ukuba ndibe yiyo,” Ndixelela uPhetisi xa sisobabini, singqengqile sisezibhedini zethu ezahlukeneyo. “Kufuneka ndikhululeke…Ndisenokuboleka imali kuwe ukuze ndizikhulule.”

“Le incinci ndinayo?” Ujika intloko andijonge kobo buthathaka bokukhanya obusuka kwisibane esiphezu kwesitulo esiphakathi kweebhedi zethu. “Kulungile ukuba iya kukunceda. Kodwa kufanele ukuba zikhona ezinye iindlela ezingazi kufuna mali.”

“Ezinjen ngantoni?” Ndiziva ndingakwazi nokuzinceda.

“Akukho kwacebo onalo?” Ndiva ukugxeka okuthile elizwini lakhe, kwaneentloni.

“Bendicinga ukuba abahlobo bam bangandinceda kancinci. Uyamazi uKgadi, nabanye. Babenomdla kakhulu bendithanda xa ndicula iingoma zam.”

“Sonke isikolo sasikuthanda. Usayikhumbula laa konsathi yayisesikolweni senu, wena wawucula kuyo? Abanye bethu sazimela e-Primary sangena singaqatshelwanga ukuba simke ngaphandle kwemvume. Yhuu, wacula kamnandi kakhulu phaya, wawutshisa. Yayitshisa.” Uyanqumama ahleke. “Wawuneenwele zakho zendalo unxibe i-ski pants nesikipa, wawunxibe neeteki kanene okanye iibhutsi?”

Kwakungathi ndihlatywe ngemela, intlungu endiyivayo xa ndikhumbula eliya xesha, ngamanye amaxesha ndandicula iingoma endizibhalileyo. Umculo wawuba lapha entlokweni yam ngaphandle kwamaxesha apho abahlobo bam nabo bafakelele into, uWatson ebetha laa magubu akhe mahle, uYonayona ekwikalimba awayesithi ibidlalwa lusapho lwakhe izizukulwana ngezizukulwana. Owona mhlobo wam uKgadi yena wayeqhwaba ngezandla zakhe anqwakraze ngeminwe ebambe isandi sengoma, sisobane nje sasisenza umculo okhethekileyo.

Ukukhumbula nje kundenza ndingabi namonde ndifune ukubabona ngokukhawuleza. Andikwazi nokubafowunela, kuba ndancanywa ke, andikwazi kukhumbula iinombolo nentloko, uSandra ke ena wabacima efowunini yam ngokuya ahlutha ifowuni yam ekhangela ukuba ndizicimile na ii-akhawunti ze-social media zam ezindala, wabe ebiza abahlobo bam ngoongantweni esithi akukho nto ndibafunela yona ebomini bam.

Kodwa ndiyazi ukuba ndingabafumana phi na ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, kwaye ndinalo Lwesihlanu mnye kuphela apho ndingasebenziyo. Le nto yenziwe kukuba bendibhukishelwe ukucula kwisidlo sasemini selinye ishishini kodwa ilizwi lam alikabi lelokucula ixesha elide, kwaye le nto iyamcaphukisa uSandra, kwaye uTata yena uthi akunakubekwa ilizwi lam engozini yokumoshakala.

Ndandikucaphukela ukuculela isidlo sasemini, la madoda ufike endithe ntsho ndinxibe la malwayi-lwayi angathi ziilokhwe zokulala ezimfutshane ezi-lilac okanye pinki zibonisa iintwanana zepeyinti zam ezineefrili xa ndithe ndahla ndinyuka xa ndiculayo. Abafazi bona apho babejonga nje bebonakala ngathi banomsindo, kwaye xa kuthethwa inyani namanye amadoda amabini ayenomsindo.

Hayi ke, uPhetisi uphazamisa uSandra noTata ngento yesikolo efuna ukusayinwa, mna ke ndiyazimela ndiyaphuma endlwini. Kuza kubakho ingxabano xa ndibuya kodwa andikhathali ndiza kuba ndifumene into eza kundiqhubela phambili, kulixabiso oku ebomini bam.

Ithaveni i-Good Fortune ayiyitshekishi i-ID, kodwa xa becinga ukuba ubudala bakho bungaphantsi kobuvumelekileyo bakuhlalisa ngaphandle. Sasikhetha loo not yokuhlala ngaphandle kakade.

Ndinxibe i-legging yam endala nebhlwawuzi enkulu enemikhono emide kuba andikabi shushu emzombeni okoko bendinxibe elalwayi-lwayi lingathi liyilokhwe yokulala  ngokuya bendiculela isidlo sasemini kwigumbi ebelibanda ceke ngumoya obandayo obuvuliwe.

UKgadi, uYonayona, noWatson bahleli kwenye yeetafile ezindala ezazilahlelwe ngaphandle phantsi komthi we-jacaranda xa i-Good Fortune yayiqala ifaka umbono omtsha wenkangelekao yayo ngaphakathi.

UYonayona undibone kuqala.

“Ndibona bani apha.” Ilizwi lakhe lingathi liyiglasi eyaphukileyo, kodwa liphantsi libukhali. “Uzithobe izinga uze kuhlala axubane nathi thina bantu abaqhelekileyo.”

Khawusixelele: Ingaba yintoni angaba ugudle yona uYonayona njengokuba ethetha ngolu hlobo ngoDintletse?