“Nanku uMiss Moving-on-and-up,” uYonayona ugxeke esitsho, xa bobathathu bevele bandijamela nje.

Ndiyangcangcazela xa ndingaboni noncumo kubo.

“Yayingendim owayesitsho, yayingamazwi kamama wam omtsha lawo, hayi mna.” Ndikhupa ndisonyusa isandla ndibongoza. “Ndiyazi ukuba ndimenze ukuba enze unothanda ngam, mna ndingenzi nto ngoko. Ngendizame ukuyilwa loo nto nangaphezu kokuba ndisenza…Zitshomi zam, aninakukwazi ukundixolela, ndiyacela? Bendibuthathaka ndikwasisibhanxa kwaye—ewe, mandingaxoki. Ekuqaleni, xa babendikhupha esikolweni bethetha ngomsebenzi wokucula, ndandivuya kakhulu, ndasuka, andacinga ngezinye izinto. Niyazi ukuba ndandifuna njani nan ukuba ngumculi.”

“Ukucula ingoma zakho,” UKgadi uyandikhumbuza, ebukhululeka ebusweni. “Hayi le mfitshi-mfitshi oyiculayo ngoku…Uyazi, besiyile kwenye yee-gigs zakho apha eTembisa. Akhange usibone nokusibona.”

Ubuso bam buyatshisa ziintloni. “Nanko ke nomnye umntu ewubiza lo mculo ngemfithi-mfitshi. Lo mfana wesandi nodanya-danya endisebenza naye ebenze njalo. Undinike isibindi sokuba ndizame ukwenza okulungele mna, eyona nto ibalulekileyo, kukuba ndicele uxolo kuni nonke. Ndilusizi kakhulu. Ndinqwenela ukuba ndingabuyel’ emva, ndijike izinto, ndijike yonke into.”

UYonayona noWatson babukeka bebuthandabuza, kodwa uKgadi uthi, “uqinisekile bethunani, animva? Lo mfana wesandi nodanya-danya, tshomi? Khawusibalisele ngaye.”

Isigezo sakudala sibonakala siqaqambile emehlweni akhe.

Ndiyahleka ndibuhexa, umoya wesiqabu soloyiko uyavakala.

“Hee, wakha wasimamela sobane siseqongeni apha esikolweni.”

“Ayemnandi loo maxesha,” utshilo uWatson. “Ndiyawakhumbula.”

Ndiyathandabuza phambi kokuba ndithi, “Sisenokuba nawo kwakhona, ndinombono endinawo, kodwa ndoyikisela ukuba niza kuthi ndinisebenzisela ukuba ndiphume kule nyomfu-nyomfu ndikuyo.”

“Kodwa ke, iya sibuyisela kwinto esasinayo ngaphambili…?” UKgadi abanye aba babini.

“Sasikhethekile ngeliya xesha sasikunye sonke,” utsho uYonayona, eqalisa ukuncuma.

“Kwaye sasiyithanda into esasiyenza,” wongeza uWatson. “Ndithetha ukuba, hsyi sana, iingoma zakho, zazisemanqwanqweni, tshomi.”

“Uthini ke ngoku lo mbono unawo?” uyabuza uKgadi.

“Ndiza kunixelela, kodwa kuqala ndicela iinombolo zenu apha efowunini yam kwakhona.” Nditsho ndikhupha ifowuni yam epokothweni, ndiyijuwuzise emoyeni. “Khawulezisani kaloku, ndinombono wala mama wam esithi gqi enditsalela ekhaya ndingekazifumani.”

Ukugqiba kwethu, ndibaxelela umbono wam, ndisenexhala kodwa kulungile kuba sonke siqhwaba isandla somnye kwesomnye njengakudala.

Sendiyazi ukuba ingxaki iza kubakho xa ndifika ekhaya, uSandra uza kuthi ndiza kufumana isohlwayo sokuba ndiza kuvumeleka ukuphuma endlwini xa ndisiya kucula kuphela.

Into ebuhlungu yindlela uTata amxhasa ngayo, kodwa ndingatsho ukuba andinantliziyo ibuhlungu kakhulu. Yonke le nto yabo iza kufikelela esiphelweni msinyane.

Egumbini lokulala, ndibhala ingoma, ndiyaqala ukukwenza oku okokuqala kwiinyanga ezininzi. Ndithumelela abahlobo amazwi engoma. Emva koko ndiza kuyicula, ze ke ngoku ndibathumelele i-recording.

Ndigqibele kudala ukuziva ndonwabe kangaka, andinakuxoka, ndinalo uloyiko nam. Kwakuthini ukuba oku akunakulunga?

Hayi ndiyala, kufuneka kulungile.

Khawusixelel: Ingaba uceba ntoni uDintletse, ingaba liza kulunga eli cebo?