Kubalulekile kum ukuba ndithethe noLefa ngalo lonke ixesha emva kokuba bendiseqongeni ndicula. Kwelinye icala, le yindlela yokuqhankqalaza ndingamameli uGaone noSandra, kodwa nangaphezulu, ndiyathanda ukuthetha naye.

Unomdla nakwizinto ezingekho malunga neshishini lomculo, kwaye xa ndisiva ngezinto azenzayo kundenza oku ukuba ndiqonde ukuba ubomi bam bugcinwe njani na  ukuba bungabi banzi ukuze ndingazi zinto zininzi.

“Ndimana ndiyicinga into obuyithethile, ngokuya ubusithi wayithanda laa ngoma owandiva ndiyicula phaya esikolweni,” nditsho kuye ngobunye ubusuku. “ngalo lonke ixesha ngumnqweno wam ukuba ndicule iingoma zam, ndifuna ukuyiyeka yonke le nto uGaone nomama wam omtsha abandenzisa yona.”

“Ngoku ubanjwe yintoni?” ULefa uyitsho nqo into ayithethayo.

“Andazi kuba ndingenza kanjani.” Ngoku ndicinga ngendlela le nto yenzekayo kum eqhubekeka ngokwehlisa umoya wam ngayo.

“Ndingathi kulula.” Uyandincumela ngobubele. “Ingaba wena mhlawumbi awuzami ndlela zokuyenza ukuba ibe nzima yonke le nto?”

“Ndingayenza njani into enjalo?”

“Andazi nam. Mhlawumbi uyoyika ukuqalisa into entsha eyiyeyakho uqale ekuqaleni, andithi?”

“Ingaba ndinjalo? Hayi,” Ndinikina intloko yam ndikwala oko. “Ndifuna le nto iphele, nyhani. Uyamazi omnye umculi uGaone anaye ngokuhlwanje? Yiyo le nto engekazi kunditsala. Kukho into ayityileyo, utshayiwe ngoku. Ngoku uyamzama ukuba alungele ukuba angacula phambi kwabantu eqongeni. Yho, ndabeva ukuba bambiza njani na abanye abaculi xa engekho. Bathi ngusisi Sleaze. Le indenza ukuba ndimangale ukuba mna bandiphe eliphi na igama…Uyalazi, Lefa?”

“Azange khe ndeva nto injalo.” Undijonge ngobuso obucinga nzulu kakhulu. “Into endiyivileyo yeyokuba bakunika ipilisi yokukuthoba umoya phambi kokuba uye kucula eqongeni.  Yinyaniso leyo, andithi? Kuba ngamanye amaxesha uyazekelela xa ucula.”

“Ngamanye amazwi, bandiseza iziyobisi? Nkosi yam, ndisidenge. Mna okoko ndivuma ukusela iipilisi…andicingi nokucinga, ndiyazamkela nje. Nyhani, iyaphela loo nto.”

“Ndiyavuya.”

Uyancuma kwakhona, undiphakamisela umoya wam, nokuba ngumzuzu nje, phambi kokuba ziqale iingxaki zam kwakhona.

“Ndiza kwenza ntoni ngoku, Lefa?”

“Nguwe wedwa onokuthabatha eso sigqibo, nguwe wedwa onokwenza into, Dintletse,” utshilo, endibamba isandla, sasiqala ukukhe sibambane. “Ingaba le nto uyifuna nyhani, nangamandla na? Uyafuna na ukuzikhulula? Mna andinako ukukwenzela oko, akakho omnye umnto onakho ukukwenzela. Nguwe kuphela ekufuneka eyenzile, kufuneka ibe nguwe.”

“Ke ngoko ke, andinakukubala ukuba uza kundinceda?”

Ndidanile, kodwa ngaxesha nye ndiyazi ukuba uthetha ukuthini na. Kufuneka ndithabathe ubomi bam buphinde bubuyele

ezandleni zam.

“Ungandibala ngenkxaso,” utshilo uLefa. “Kuyo yonke imizamo yakho oza kuyithabatha.”

Uqinisekile xa esitsho, ndiyamva, kwaye kukho into le nto eyenzayo entliziyweni yam. Indinika isibindi.

“Uyazi, ndakhe ndathetha nodadewethu omncinci ngendlela endinokukhululeka ngayo, ndandicinga ukuba kufuneka ndibe nemali. Wathi zikhona iindlela ezingadingi mali. Wayenyanisile. Nawe unyanisile. Mhlawumbi ndiyenza nzima nje ndifuna iphiko lokusithela. Kulungile ke, ndiza kuza necebo, ndibhale uluhlu lwezinto endizidinga ukuba ndizenze.”

Uyahleka. “Naleyo into ivakala ngathi uyenza nzima kum, kodwa ke yenze ngendlela yakho, Dintletse. Bubomi bakho.

“Ewe,” nditshilo. “Ewe, nyhani bobam.”

Khawusixelele: Ingaba uLefa unyanisile xa esithi uDintletse wenza isisombululo kwiingxaki zakhe sibe nzima kuba ngaphakathi esoyika ukwenza oko afanele ukukwenza qha?