Ndisoloko ndigodola, kwaye ngaxa linye ndisoloko ndiziva ndilambile.

Kungenxa yezi mpahla uSandra andinyanzela ukuba ndizinxibe. Kunyanzelekile ke ukuba ndimbize ngegama. Ndikhumbula indlela endandivuya ngayo xa utata wayemtshata, kunyaka owayevakala umde kakhulu emva kokusweleka kukaMama. Ndandifumana umama omtsha! Mhla ndambiza ndisithi Mama, wandidlikidla, engafuni ukuba ndimbize njalo. Wayengafuni nokuba ndimbize ngoAnti.

“Undenza ndizive ndimdala xa undibiza njalo. Ndingumhlobo wakho, Dintletse, uyayiqonda loo nto, andithi?” Wayesitsho ngoncumo olugoso eqaqambile xaendixelela, kungathi kuye akandivisanga buhlungu ngokundidlikidla intloko yam isiya ngaphambili nangasemva, ndincedwe kukuba ixhaswe nje yintamo yam.

Kulungile ke ukuba abe ngumhlobo wam, kwakungenamsebenzi kum, ndaziqinisekisa.

Ndandisemncinci ke ngeliya xesha.

Kuzo zonke iziganeko esona sibi ukuzodlula zonke, ndifumanisa isesexesha lokufota. Umfoti nomncedisi wakhe banento yokusoloko bendiphatha-phatha, banditsalela ngapha nangapha ukuba mandilungele ukufotwa ngeendlela ezazithandwa ngabo. Izandla zabo eluswini lwam zindenza ndizive ngathi umzimba wam uyashwabana.

Ngaphezu koko, kwezi ofisi zokufotela (e-studio ngabula makhumsha) uSandra andizisa kuzo, kwenye indawo eTshwane —ndandingancedakali tu ukuba ndizive ndinomdla, zazitsho ngeendonga ezingwevu ngebala, hayi khona.

USandra wayehlala phaya kudana nam enolo ncumo lugoso endayeka kudala ukulukholelwa. Yena nje, umana esiza nezimvo ezintsha zokuba ndilulungele njani na ufoto. Ndiyayazi into yokuba kwakufuneka zibe nomtsalane, zinike umdla kwezesondo, nto eyanza ndibe nombuzo wokuba, kutheni le nto ndingenakunxiba njengentombazana eneshumi elinesixhenxe leminyaka endiyiyo?

Awu! Kutheni le nto ndisazibuza loo mbuzo? Ndiyawukhumbula ukuba wawusithini na umgca awayekhe wawusebenzisa. Wena umsulwa /unika umdla kwezesondo.

“Amadoda ayayithanda ke loo mbonakalo,” utsho njalo kum.

“Ngamadoda anjani lawo?” Nditsho ndimbuza .

“Amadoda anegalelo ebomini.”

“Ingaba konke oku akumalunga nokucula, kutheni ngoku sele ingathi kumalunga nokukholisa amadoda nje?”

“Awukaluqondi kakuhle ushishino. Mna ndiyalwazi, ndiyekele ndikuncede ndikukhokele, Bitsy-D.”

Akasandibizi ngoDintletse ngoku, usoloko endibiza ngeli gama lesintwana uBitsy-D, elo ligama lokusebenza yena noTata abandikhethela lona. Lihamba neempahla, amalatshana anemibala yeentsana, ipinki yeentsana, umthubi, no-lilac. Amanye wawukwazi ukubona neempahla zam zangaphantsi xa ndiwanxibile, zindenza ndizive ngathi ndihamba ze ezi mpahla, ezinye nje zindenza ndizive ndithobeke isidima, izinto ezinjengeebhlawuzi zamantombazana amancinci ezineeyunikhoni, ndinxityiswa izinto ezinjalo.

“Iifoto ziza kuba ziintloni kum,” nditshilo kuSandra ukugqiba kwethu ukuthabatha iifoto xa sishiya ezo zakhiwo.

“Ndiyayazi ukuba yintoni na eyona nto iza kufanela umsebenzi wakho, mntwana.” Izihlangu zakhe ezicondobileyo zatsho ziqhwayiza kwiphevumente elukhuni.

“Into eza kuba yeyona efanele umsebenzi wam he, ukhe wacinga ukuba yintoni kanye efanele isiqu sam hayi umsebenzi wam?” Ndiyaziva ukuba ndivakala umoya wam uphantsi, ndiziva ndoyisiwe edabini, kuba sele ndiphose itawuli, ndincamile, ndiphelelwe lithemba lokuba ndingaphinda ndive into engandinika ithemba.

“Wena ungumsebenzi wakho, mhlobo wam. Kufuneka ufunde ukuyamkela loo nto. Wena awukwazi kuzahlula isiqu sakho kumculi uBitsy-D, uzame ukuzifanisa nomntu ongento ophaya esithubeni. Eli lixabiso olihlawulayo kwimpumelelo.”

Siyandonyukela kwakhona apha ngaphakathi, sisichotho seentlungu nomsindo. Ndingazicaphukela iimpahla, ukuthabatha iifoto kwanezinye izinto ekufuneka ndizenzile, kodwa asizinto ezophula intliziyo yam.

Ayatshisa amehlo am ngeli xesha egcwala iinyembezi.

Khawusixelele: Kubonakala ngathi uSandra nguye okhokela ubomi bukaDintletse, kwaye uDintletse yena kucace gca ukuba oku akumonwabisanga kwaphela, kutheni le nto angasuke aqhankqalaze?