“Molo, Mama,” wakhwaza xa angena endlwini. Umama wakhe wayefunda iphephandaba. Naye wayezonwabele ngeyona ndlela.

“Molo, nyana wam,” waphendula umama wakhe ngobubele.

“Khawumamele apha. Nantsi into emangalisayo. ILong Street ngoku iza kwandiswa, de iye kufikelela koluya dederhu lutsha lweevenkile. Ekugqibeleni kuza kubakho iibhasi nezitophu zokumisa iibhasi kule ndlela. KODWA …” watsho, “oku kuthetha ukuba akukho mntu uza kuphinda adlale esitalatweni ngoku.”

“INTOOONI?” Wothuka kakhulu waphantse wawa uSonny akuva oku. Umdlalo omkhulu wawusele ucwangcisiwe! Waphuma phandle wachopha phambi kwendlu ezitephsini, embombozela eyedwa. Weva ingxolokazi enkulu eyamenza waphakamisa amehlo, wajonga. YayinguMnumzana Peterson lowo, ekhwele elelini esonyusa udonga lwakhe, ngokongeza ezinye izitena.

“Yhuuuuu!” wabhavuma uSonny ngumsindo. “Ndiyazi ukuba ufuna ukunqanda iibhola zethu ukuba zingaqabeli ngaphaya kodonga lwakhe, kodwa akusafunekanga azikhathaze ngaloo nto ngoku.”
Kuthe kusenjalo wafikelwa yimbono – ukuba nje bonke abahlobo bakhe bangadibana bacele bonke abazali babo, kungenzeka … mhlawumbi nje … babenawo nokuba mnye umdlalo wokugqibela weqakamba. Wakhawuleza waya kukhangela uSimon.

KuMgqibelo olandelayo yayisisankxwe kuba icebo likaSonny noSimon lalisebenzile! Namhlanje yayiza kuba ngumdlalo omkhulu wabo wokugqibela – OWONA mdlalo mkhulu weqakamba kweyakhe yakho! Bonke abantwana esitalatweni babeza kudlala. KWAYE kwakuza kubakho namabhaso! Abanye babazali benza izimuncumuncu zomntu wonke belungiselela ukuba kwabelwane ngexesha lesidlo sasemini. UTata kaThumi wayeza kukhupha amabhaso, enika abo baphumeleleyo, ekupheleni kosuku.

Nangona babedlalela nje ukuzonwabisa, uSonny wayenalo uvalwana. Abantu baqhwaba izandla ngethuba uThumi ebhowulisha ibhola yakhe yokuqala.

UJack weza ngaphambili. QHWAAAA! Waqhokra ibhola kakhulu kangangokuba yenyuka yaya phezulu kakhulu emoyeni.

USonny waya ngaphambili ezama ukuya kuganga ibhola, kodwa ilanga lalimphandla. Wancina amehlo, elindile waya phantsi kwebhola. Wonke umntu wayeqhwaba izandla. Wathi xa uSonny evala izandla eyinqakula ibhola, yasuka yataka, yaphoncuka. Yaqamza kanye yaqengqeleka ukuya kungena phantsi kwesango leyadi kaMnumzana Peterson. Wavele watyhafa, ephelelwe lithemba ngoku uSonny.