ILong Street yayisisitalato esibanzi neside kakhulu. Ehlotyeni, xa uSonny nabahlobo bakhe bevela esikolweni, izihlangu zabo zazigcwala luthuli. Ebusika, izihlangu zabo zazigcwala udaka namanzi. Kodwa ngexesha leeholide zesikolo, kwakungekho mntu ukhathalayo nokuba isitalato sinothuli okanye sinodaka.

ELong Street kulapho uSonny nabahlobo bakhe babedlala khona iqakamba. Wonke umntu wayesiza kubukela kwaye kwakungekho mntu ukhalazayo xa ibhola iwele ngaphakathi esitiyeni somntu. Kwakungekho namnye, ngaphandle nje kukaMnumzana Peterson.

“Kwezi holide zizayo siza kuba nemidlalo emikhulu yeqakamba,” watsho uSonny xa bagodukayo nganjikalanga ithile.

“YHAAAAAA!” kwatsho uSimon noJack.

“Thumi? Uthini wena?” wabuza uSonny.

“Phofu nicinga ntoni NGAYE?” kwabuza uThumi. Watsho ekhomba endlwini kaMnumzana Peterson. “UJack sele eyophule enye yeefestile zakhe kwangoku.”

“Uthini NGAWE?” wabuza uJack. “Sele ubethe iibhola ezimbini zonke, zaya kungena esitiyeni sakhe.”

Babesazi ukuba xa bathe bajula okanye bayibetha ibhola yaya kungena ngaphaya kodonga lukaMnumzana Peterson abasokuze baphinde bayifumane. Xa ibhola ithe yaqengqelekela ngaphantsi kwesango likaMnumzana Peterson, inja yakhe uShikisha, yayiyithatha. Bema bhuxe, beqwalasele indlu kaMnumzana Peterson. Wayeneengcwangu, efunyenwe lulaka kwezi nyanga zimbalwa zidluleyo.

“Sisenayo ibhola yeqakamba esaseleyo? Bendicinga ukuba zikuShikisha, uzithathe zonke esinazo,” watsho uThumi.

“Ndinayo enye endinayo,” watsho uJack encumile, “ngoko ke masicwangcisele ukubamba owona mdlalo weqakamba OWAKHE wagqwesa.”

Ngosuku lokugqibela lwesikolo, uSonny wayengasakwazi nokuzibamba, engxamele ukugoduka ukuze adlale iqakamba. Waye onwabe ngeyona ndlela, de wabulisa noMnumzana Peterson ngokuwangawangisa ingalo, kodwa uMnumzana Peterson akazange amhoye konke.