U Songezwa ubase kwatishal’uErasmus xa kuphum’iskolo. Baye bagqitha ngo K8 epakini, owayegqibezela igraffiti enemibala-bala engegama lakhe.

Igeyiti esacaleni kwatishala yayitshixiwe kodwa uSongezwa wayesazi ukuba sifihlwe phi isitshixo, phantsi kwestena esophukuleyo.

‘Tishala?’ uye wakhwaza, ebakhokhelela eback.

Uye waphuma ehokini utishala, wabuyisa umnyango emva kwakhe.

‘Songezwa!’ utshilo ehlikihla izandla. ‘Ndiyavuy’ ukubona. Ndingakunceda ngantoni?’

‘Sifuna ukusebenzisa iReader’ uye waphendula.

Utishal’uErasmus uye wakrwaqula u K8, uSbu no Airtime.

‘Kulungile’ utshilo uSongezwa. ‘Ungabathemba.’

Uye wathandabuza, efuna ukwala kodwa waphela evula umnyango wabayeka bangena.

U Sbu, uAirtime noK8 baye bajonga jonga.

Lehoki yayinkulu kunokuba bebecinga, ineetafile ezinkulu zokusebenzela, neeshelf ezenziwe ngentsimbi edongeni. Phantse yonke indawo yayigqunywe ziiparts zekompyuthwa ezisalungiswayo. Enye ikona yayigcwele ziimatshini ze DVD. Phezu kweetafile kumi ikompyutha exunywe kobunye ubuxhakaxhaka okubonakalo ngathi budityaniswe ngesandla. Kwakunezixhobo zemidlalo yee Video,ivulekile etafileni, nento eyayingathi yibhokisi yee phone chargers.

‘Yintoni kanye oyenzayo apha tishala?’ uye wabuza uSbu.

‘Benditshilo nje’ uphendule engathembi ncam utishal’uErasmus’. “Ndiyalungisa apha”

‘Akalungisi kuphela’ utshilo uSongezwa.

Uye wathatha icell phone ka Adelle, wayivula, wakhupa isim card. Uye wayifaka kwibhokisi emnyama eyayifakwe kwiKompyutha, wavula i program ethile esikrinini.

‘Senza izinto apha onganekuzenza kwezinye iindawo zokulungisa’.

‘Ezinjani’? Uye wabuza uSbu.

‘Njengokucupha imitshini yeeVideo games ukwenzela ukuba ukwazi ukudlala ngaphandle kokuba uthenge idisk eyiyo nokwenza ukuba icellphones zisebenzise ii programs ezahlukileyo.

‘Ivumelekile lonto?’ uye wabuza uK8.

U tishal’uErasmus uye wathi krwaqu emnyango ovulekileyo. ‘Uninzi lwazo zivumelekile’. Uye waphendula.

U Songezwa uye wayilayta icellphone, wafaka intambo kagesi.


Ungawenza umsebenzi onje, ongalimazi mntu, nokuba usazi ukuba awukho semthethweni?